Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha, Ningatshintshi Kwizinto Enizimisele Ukuzenzela UYehova!

Lutsha, Ningatshintshi Kwizinto Enizimisele Ukuzenzela UYehova!

“Qengqela kuYehova imisebenzi yakho yaye amacebo akho aya kumiselwa ngokuqinileyo.”​—IMIZE. 16:3.

IINGOMA: 89, 24

1-3. (a) Yintoni eye ibe yingxaki kulo lonke ulutsha, ibe singayizekelisa njani? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Ulutsha olungamaKristu lungayilungisa njani loo ngxaki?

MASITHI unohambo olubalulekileyo oluya kwidolophu ekude. Kuza kufuneka ukhwele ibhasi. Xa ufika esitishini, kuyaphithizela nje ngabantu ibe kukho nezinye iibhasi ezininzi. Kubalulekile ukuba uyazi kakuhle into ofuna ukuyenza—ukukhwela ibhasi eya kule ndawo ofuna ukuya kuyo! Ukuba ukhwela enye ibhasi, uza kulahleka.

2 Ulutsha lwale mihla singalufanisa nabantu abakwesi sitishi. Lusenendlela ende olumele luyihambe ebomini. Ngamanye amaxesha luza kuvelelwa ngamathuba yaye kufuneke lwenze izigqibo, luxakwe ukuba maluthini. Lutsha, yenzeni lula le nto ngokuthi nigqibe ukuba nifuna ukwenza ntoni ngobomi benu. Nifanele nenze ntoni ke?

3 Eli nqaku liza kuphendula lo mbuzo ngokuthi likhuthaze ulutsha ukuba luphilele ukukhonza uYehova. Loo nto ithetha ukuba lumfake uYehova kuzo zonke izinto zobomi balo—imfundo, umsebenzi, intsapho, nezinye. Ikwathetha ukuba imele ibe khona into oluzimisele ukumenzela yona uYehova. Ulutsha olungayekiyo ukukhonza uYehova, nakanjani uza kulusikelela luze luphumelele ebomini.—Funda iMizekeliso 16:3.

KUTHENI UMELE UZIMISELE UKUMENZELA INTO UYEHOVA?

4. Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

4 Kububulumko ukugqiba usemncinci ngezinto ofuna ukumenzela zona uYehova. Ngoba? Siza kuthetha ngezizathu ezithathu. Esokuqala nesesibini kukuba xa umntu enezinto azimisele ukumenzela zona uYehova uye asondelelane naye; esesithathu sona yindlela ekunceda ngayo ukuzimisela usemncinci ukwenza izinto entlanganweni.

5. Sisiphi esona sizathu sokuba sigqibe ngezinto esifuna ukumenzela zona uYehova?

5 Esona sizathu sokuba sigqibe ngezinto esifuna ukumenzela zona uYehova kukumbulela kuba esithanda nangezinto asenzele zona. Umdumisi wathi: “Kulungile ukubulela kuYehova . . . kuba undenze ndanemihlali, Yehova, ngenxa yomsebenzi wakho; ngenxa yomsebenzi wezandla zakho ndimemelela ngovuyo.” (INdu. 92:1, 4) Lutsha, khanicinge ngezinto enimtyala zona uYehova. Kungenxa yakhe le nto niphila, ninokholo, nineBhayibhile, ninebandla kwaye ninethemba lokuphila ngonaphakade. Ningambulela ngezi ntsikelelo ngokuthi nibeke izinto zakhe kwindawo yokuqala, ibe loo nto iza kunisondeza kuye.

6. (a) Ukuba nezinto esiceba ukumenzela zona uYehova kusinceda njani? (b) Ziintoni esinokuceba ukuzenza sisebancinci?

6 Isizathu sesibini kukuba xa umntu eye waqalisa ukwenza izinto abecebe ukumenzela zona uYehova, izinto ezintle azenzayo zimenzela igama elihle kuye. Utsho asondele nangakumbi kuye. Umpostile uPawulos wathi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.” (Heb. 6:10) Nokuba ungakanani, unganezinto ozimisele ukumenzela zona uThixo. UChristine wagqiba eseneminyaka eyi-10 ukuba awafunde qho amabali obomi amaNgqina athembekileyo. UToby yena wayena-12 xa wazimisela ukuba ayifunde ayigqibe iBhayibhile ngaphambi kokuba abhaptizwe. UMaxim nodadewabo omncinci, uNoemi, babhaptizwa omnye ena-11, omnye ena-10. Emva koko bobabini bazimisela ukuba baye kukhonza eBheteli. Ukuze bangayilibali loo nto, baxhoma ifomu yaseBheteli edongeni. Kutheni ungacingi ngezinto ezibalulekileyo kuwe ofuna ukuzenza uze uqalise ukusebenzela kuzo?—Funda eyabaseFilipi 1:10, 11.

7, 8. (a) Ukuyazi into ofuna ukuyenza kukunceda njani kube lula ukwenza izigqibo? (b) Yintoni eyabangela uDamaris akhethe ukungayi eyunivesithi?

7 Isizathu sesithathu sokucinga sisebancinci ngezinto esifuna ukuzenza kukuba kufuneka senze izigqibo. Ulutsha kufuneka lugqibe ngemfundo, umsebenzi, nezinye izinto. Ukwenza isigqibo kufana nokukhetha icala omawujike kulo apho iindlela zahlukana khona. Ukuba uyayazi indawo oya kuyo, uza kulazi icala omawujike kulo. Ngokufanayo ke, xa uyazi into ofuna ukuyenza, kuba lula ukwenza izigqibo. IMizekeliso 21:5 ithi: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.” Ukuba ucinga usemncinci ngezinto ofuna ukuzenza, uza kukhawuleza uphumelele. Kwenzeka loo nto kuDamaris xa kwafuneka enze isigqibo ukugqiba kwakhe isikolo.

8 UDamaris wapasa kakuhle kakhulu ukugqiba kwakhe isikolo. Xa wayenikwa imali yokufundela ubugqwetha eyunivesithi akazange ayamkele, wakhetha ukuphangela ebhankini. Ngoba? Uthi: “Ndagqiba ndisemncinci ukuba ndiza kuba nguvulindlela. Loo nto yayithetha ukuba ndiza kuphangela ngeentsuku ezithile. Ukuba bendinesidanga saseyunivesithi, ngendifumana imali eninzi, kodwa bendiza kusokola ukufumana umsebenzi oza kundivumela ukuba ndiphangele iintsuku ezithile.” Ngoku uDamaris uneminyaka eyi-20 enguvulindlela. Ngaba uyazisola ngesigqibo awasenza esemncinci? Uthi: “Phaya emsebenzini ndiye ndidibane namagqwetha amaninzi. Enza umsebenzi engendiwenza ukuba ndandifundele ubugqwetha. Amaninzi awawuthandi umsebenzi wawo. Isigqibo endasenzayo sandinceda kuba ngoku andidikwanga ngumsebenzi, kunoko ndivuyiswa kukukhonza uYehova.”

9. Kutheni sifanele siluncome ulutsha lwethu?

9 Luninzi ulutsha emabandleni ehlabathini lonke olwenza izinto ezintle nezincomekayo. Luzinikele kuYehova kwaye luphilela ukumenzela izinto. Olu lutsha luphila kamnandi ngoxa kwelinye icala lufunda ukulandela imiyalelo kaYehova kuzo zonke izinto. Loo nto iquka imfundo, umsebenzi nentsapho. USolomon wabhala wathi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho . . . Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMize. 3:5, 6) Ulutsha olukwibandla lamaKristu luxabiseke kakhulu emehlweni kaYehova, uluthanda nyhani kwaye uyalukhusela, alubonise indlela, aze alusikelele.

ZILUNGISELELE UKUSHUMAYELA

10. (a) Kutheni intsimi imele ibe yenye yezinto eziza kuqala kuthi? (b) Ungenza njani ukuze ukwazi ukuzicacisa kakuhle iinkolelo zakho?

10 Ulutsha oluphilela ukuvuyisa uYehova luyihoya ngokukhethekileyo intsimi. UYesu wathi “kumele kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga kuqala.” (Marko 13:10) Intsimi imele ibe yenye yezinto eziza kuqala kuthi kuba ingxamisekile. Khawuzame ukukhuthala entsimini. Yiba nguvulindlela. Kodwa umele wenze ntoni ukuba awuyithandi intsimi? Ungenza njani ukuze ukwazi ukuzicacisa kakuhle iinkolelo zakho? Zimbini izinto eziza kukunceda: Lungiselela kakuhle, uze ungayeki ukuxelela abantu izinto ozaziyo. Soze uyikholelwe indlela oya kukuthanda ngayo ukushumayela.

Ulungiselela njani wena ukuze ukwazi ukushumayeza umntu? (Jonga isiqendu 11, 12)

11, 12. (a) Ulutsha lungenza ntoni ukuze lulungiselele ukushumayela? (b) ULuca walisebenzisa njani ithuba lokushumayela esikolweni?

11 Qala ngokukhangela impendulo yombuzo odla ngokubuzwa ngabanye abantwana esikolweni, njengothi, “Kutheni ukholelwa kuThixo?” Iwebhsayithi yethu ethi jw.org inamanqaku abhalelwe ukunceda ulutsha luzikhangelele impendulo yalo mbuzo. Jonga kwindawo ethi IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE > ABAFIKISAYO. Uza kufumana indawo ethi “Amaphepha Onokubhala Kuwo,” ibe xa ucofa kuyo uza kufumana elinye lawo elithi “Kutheni Ndikholelwa KuThixo?” Eli phepha liza kukubonisa indlela yokulungiselela impendulo. Linezibhalo ezintathu onokuzisebenzisa ukuze ucacise into oyikholelwayo—amaHebhere 3:4, eyabaseRoma 1:20, neNdumiso 139:14. Unokusebenzisa la maphepha ukuze uphendule neminye imibuzo.—Funda eyoku-1 kaPetros 3:15.

12 Xa ithuba livela, khuthaza abantwana ofunda nabo ukuba bazingenele ku-jw.org. Wenza loo nto uLuca. Xa kwakuthethwa ngeecawa eklasini, uLuca wabona ukuba ezinye zezinto ezazithethwa yincwadi yesikolo ngamaNgqina zazingekho. Nangona wayesoyika, wacela kutitshalakazi wakhe ukulungisa ezo zinto waza wavunyelwa. ULuca akazange aphelele ekucaciseni iinkolelo zakhe kodwa wabonisa iklasi yonke iwebhsayithi yethu. Utitshalakazi wathi xa abantwana besekhaya babukele oopopayi abathi Indlela Yokoyisa Umntu Okuntlontayo Ungakhange Umbethe. ULuca wavuya nyhani kuba eye washumayela.

13. Kutheni sifanele singanikezeli xa kukho iingxaki?

13 Unganikezeli nokuba indlela oyihambayo iba neengxaki ngamanye amaxesha. (2 Tim. 4:2) Xa usiba neengxaki, ungayiyeki laa nto ubuzimisele ukuyenza. Xa uKatharina wayeneminyaka eyi-17, wazimisela ukushumayeza bonke abantu aphangela nabo. Kukho umfo owayemhlalele ngokumthuka, kodwa akazange oyike. Enye indoda aphangela nayo egama linguHans yayithanda indlela awaziphatha ngayo xa wayegezelwa. Yafunda iincwadi zethu, yaqhutyelwa isifundo yaza yabhaptizwa. UKatharina wayefudukele kwenye indawo, engayazi yonke le nto iqhubekayo. Khawucinge nje indlela awavuya ngayo xa, kwiminyaka eyi-13 kamva, wayehleli kwiHolo YoBukumkani nentsapho yakhe, weva kubizwa eqongeni uHans, owayesisithethi esityeleleyo! Nyhani wanceda uKatharina angayeki ukushumayeza abantu awayephangela nabo!

UNGAPHAZANYISWA ZEZINYE IZINTO

14, 15. (a) Yintoni olufanele luyikhumbule ulutsha xa oontanga befuna lwenze izinto ezimbi? (b) Lungenza njani ulutsha ukuze lungaqhathwa ngoontanga balo?

14 Okwangoku eli nqaku lisanikhuthaze ukuba nigqibe ukuba niphilele ukukhonza uYehova. Loo nto ithetha ukuba eyona nto ibalulekileyo ebomini benu kukwenzela uYehova izinto. Kusenokwenzeka ukuba oontanga benu bona baphilela ubumnandi, ibe mhlawumbi baza kufuna nani niye ebumnandini. Kuza kufuneka nicace ke ukuba nizimisele kangakanani kwizinto enizikhethileyo. Ningavumeli oontanga benu baniphazamise. Kaloku, xa sibuyela kula mzekeliso webhasi, ubungayi kukhwela nayiphi na ibhasi kuba nje abantu abakuyo bebonakala bonwabile.

15 Maninzi amacebo ongawasebenzisa ukuze ungaqhathwa ngoontanga bakho. Ngokomzekelo, zibaleke iimeko ezingakwenza uzibone usenza izinto ezimbi. (IMize. 22:3) Man’ uzikhumbuza ngezinto ezibuhlungu eziza kwenzeka kuwe ukuba nawe wenza izinto ezimbi. (Gal. 6:7) Enye into eza kukunceda kukuyamkela into yokuba udinga ukucetyiswa. Ukuba uthobekile, uza kubamamela abazali bakho nabanye abazalwana abakhulileyo ebandleni.—Funda eyoku-1 kaPetros 5:5, 6.

16. Balisa amava abonisa indlela ekunceda ngayo ukuthobeka.

16 Ukuthobeka kwamnceda uChristoph ukuba amamele xa ecetyiswa. Emva kokuba ebhaptiziwe, waqalisa ukuzilolonga ejimini. Apho wadibana nabanye abafana, bamcenga ukuba ajoyine iklabhu yabo. Waxelela omnye umdala waza yena wamlumkisa ngezinto ezinokumfaka engozini, ezinjengokuthanda ukukhuphisana. Kodwa uChristoph wayijoyina le klabhu. Ethubeni wabona ukuba abantu bayonzakalisana kulo mdlalo kwaye uyingozi. Waphinda wathetha nabanye abadala, ibe bonke bamchazela ukuba iZibhalo zithini. Uthi: “UYehova wandithumelela abantu abandicebisa kakuhle, ibe ndammamela, nangona ndingazange ndive ekuqaleni.” Ngaba wena uthobeke ngokwaneleyo ukuba umamele xa ucetyiswa?

17, 18. (a) UYehova ubanqwenelela ntoni abantu abatsha? (b) Yintoni ebuhlungu edla ngokwenzeka kwabanye abantu xa bebadala, ibe ningenza ntoni ukuze inganehleli loo nto? Zekelisa.

17 “Yiba nemihlali, mfana [okanye ntombi], ebutsheni bakho, uyenzele okulungileyo intliziyo yakho ngemihla yobufana [okanye yobuntombi] bakho.” (INtshu. 11:9) UYehova ufuna nibe ngabafana neentombi ezonwabileyo. Eli nqaku linibonisile enye into eningayenza ukuze nonwabe. Sanukutshintsha kwizinto enizimisele ukuzenza entlanganweni, nimfake uYehova xa niceba izinto zenu. Ukuba anilibazisi ukwenza le nto, niza kukhawuleza niyive into yokuba uYehova unibonisa indlela, uyanikhusela kwaye uyanisikelela. Cingani ngawo onke amacebiso anobulumko afumaneka kwiLizwi LikaThixo, ningalilibali neli lithi: “Khumbula uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobufana bakho.”—INtshu. 12:1.

18 Anizuhlala nibatsha. Kungekudala niza kuba ngabantu abadala nani. Into ebuhlungu kukuba abantu abaninzi baye bazisole sebebadala ngokuleqa izinto ezingafanelekanga xa babesakhula okanye ngokungaqali kwaukuzihlupha ngokucinga ngento abafuna ukuba yiyo. Kodwa ulutsha olungatshintshiyo kwizinto oluzimisele ukuzenza entlanganweni kaYehova luza kwaneliseka naxa sele lungabantu abadala. Kwaba njalo kuMirjana owayeyincutshe kwezemidlalo esakhula. Wacelwa ukuba aye kwiMidlalo YeOlimpiki, kodwa yena wakhetha ukungena kwinkonzo yexesha elizeleyo. Ngoku uMirjana sele eneminyaka engaphezu kweyi-30 ekwinkonzo yexesha elizeleyo nomyeni wakhe. Ucacisa athi: “Udumo, ukuhlonitshwa ngabantu, igunya nobutyebi zizinto nje ezidlulayo nezingenamsebenzi ebomini. Ezona zinto ziya kukwenza uhlale uhlonipheka kukukhonza uThixo nokuzama ukunceda abantu basondele kuye.”

19. Khawuchaze ukuba kunceda ngantoni ukugqiba usemncinci ngento ofuna ukumenzela yona uThixo.

19 Lutsha olukumabandla ethu siyanincoma ngokwenza ezi zinto nangokuzimisela ukuphilela ukukhonza uYehova. Le nto niyenza ngokuzama ukumenzela okuthile uYehova nangokujonga intsimi njengento ebalulekileyo. Kanti niyenza nangokuzimisela ukuba ningaphazanyiswa leli hlabathi. Siyaniqinisekisa ukuba umsebenzi wenu awusoze ube lilize. Abazalwana noodadewenu abanithanda kunene bakunye nani, kwaye ukuba niyazimisela ukukhonza uYehova, niza kuphumelela ebomini.