UVUKANI! Februwari 2015 | Ngaba IBhayibhile Iluncedo Namhlanje?
Funda ngemigaqo yayo emine engqina ukuba iseluncedo ngendlela eyayiluncedo ngayo ekubhalweni kwayo.
INQAKU ELINGUMXHOLO
Ngaba IBhayibhile Iluncedo Namhlanje?
Xa uHilton wemkayo ekhaya, abazali bakhe babengenathemba lokuba angaze atshintshe. Kodwa ekubuyeni kwakhe emva kweminyaka eyi-12, wayetshintshe kangangokuba babengasamazi. Kwenzeka ntoni?
INQAKU ELINGUMXHOLO
Ukunyaniseka
URaquel wayenokwenza imali ngokuvuma ukuhliselwa imali ngomlenze, kodwa uvakalelwa kukuba wafumana eyona nto ixabisekileyo ngokungavumi.
INQAKU ELINGUMXHOLO
Ukunyaniseka Emtshatweni
Elinye ibhinqa lakufunda nzima ukunyaniseka kumyeni walo. Ngaba umtshato wakhe wawunokusinda?
INQAKU ELINGUMXHOLO
Uthando
IBhayibhile ithetha kaninzi ngothando, kodwa ayifane ibhekise kubantu ababini abathandanayo.
OKWENZEKA EHLABATHINI
Makhe Sithethe Ngempilo
Iingxelo esiziva ezindabeni zingqina ubunyani bezinto ezithethwa yiBhayibhile malunga nempilo.
Ubulumko obukhuselayo
Ithetha ukuthini intetho eseBhayibhileni ethi: “Intlawulelo yomphefumlo womntu bubutyebi bakhe, kodwa osweleyo akeva kukhalinyelwa [akakho sichengeni]”?
UKUNCEDA INTSAPHO
Xa Umntwana Wakho Ebuza Ngokufa
Amanyathelo amane anokukunceda uphendule imibuzo yabo, nendlela yokubanceda bamelane nentlungu yokufelwa.
UDLIWANO-NDLEBE
Isizathu Sokuba Umfundisi Ashiye Icawa Yakhe
Yiva ibali likaAntonio Della Gatta ngendlela awaba ngumhlobo ngayo noThixo.
IMBONO YEBHAYIBHILE
UMesiya
Ngaba ubusazi ukuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba wayeza kufa ngaphambi kokuba awugqibe umsebenzi wakhe?
NGABA YADALWA?
Ukupheqa Kweencam Zamaphiko Eentaka Xa Zibhabha
Ukukopa le ndlela, iinjineli zeenqwelo-moya ziye zonga iilitha eziyi-7 600 zezigidi zamafutha eenqwelo-moya ehlabathini lonke.
Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi
Zisebenzise Kakuhle IiWebhsayithi Zokuncokola
Hlala ukhuselekile xa usebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola.
Ukupha Abanye Kwenza Uvuye
Zininzi iindlela zokupha abanye izinto. Ngaba ungacinga ngezinye?