Okwenzeka Ehlabathini
EHLABATHINI
IWorld Health Organization ithi ukuphefumla umsi wedizili “kunokubangela umhlaza wemiphunga,” kwaye kungade kubangele nomhlaza wesinyi.
E-Antarctica
Kufunyenwe ubungqina bokuba mandulo, kwiAntarctic kwakha kwakhula imithi yesundu neminye imithi ekhula kwiindawo ezingaselunxwemeni. Abantu abaninzi bakholelwa ukuba kwizigidi zeminyaka eyadlulayo, ubusika base-Antartica babungabandi kangako yaye “kwakungabikho qabaka,” ibe amaqondo obushushu akwincam ekumntla nekumzantsi ayengohlukanga kangako kulawo akwi-ikhweyitha.
E-Ireland
Ingxelo epapashwe ngo-2012 nguMbutho Wabefundisi BamaKatolika Ase-Ireland ibonisa ukuba kumaKatolika ekuye kwathethwa nawo kweli lizwe, i-87 pesenti ithi abefundisi bamele bavunyelwe batshate; i-77 pesenti yona ikholelwa ukuba amabhinqa amele avunyelwe abe ngabefundisi.
Kwi-Afrika EkuMazantsi ESahara NakuMzantsi-Mpuma Asia
Uhlolisiso oluye lwenziwa kumayeza okulwa nesifo seengcongconi lufumanise ukuba kwezinye iindawo kusetyenziswa amayeza akumgangatho ophantsi okanye awomgunyathi, nto leyo ebangela ukuba abezempilo bangakwazi ukunyanga esi sifo. I-36 pesenti yamayeza ahlolwe kuMzantsi-mpuma Asia kufunyaniswe ukuba ngawomgunyathi, ngoxa iyi-20 pesenti kwiAfrika ekumazantsi eSahara.
E-El Salvador
NgoAprili 2012, amagosa karhulumente enza isaziso sokuba kuyaqala ukudlula usuku kungakhange kubulawe mntu kwelo, phantse kwiminyaka emithathu. Ngenxa yogonyamelo olubangelwa ziziyobisi, ngonyaka wama-2011, kweli lizwe kwabulawa umyinge wabantu abangama-69 kwabangama-100000—elinye lawona manani aphezulu okubulawa kwabantu emhlabeni.