Ubuya Kuphendula Uthini
Ubuya Kuphendula Uthini
CHAZA LO MZEKELISO
1. Kumzekeliso kaYesu okuLuka 15:11-32, omnye unyana wenza ntoni ngelifa lakhe?
․․․․․
2. UYise wavakalelwa njani ngonyana wakhe owaguqukayo?
․․․․․
3. Wavakalelwa njani omnye unyana ngendlela umntakwabo awaphathwa ngayo?
․․․․․
◼ Ukwenzela Incoko: UYehova ufana njani nobawo okumzekeliso? Uvakalelwa njani ngendlela unyana owayesele ekhaya awasabela ngayo?
KWENZEKA NINI OKU?
Chaza igama lombhali okanye ababhali bezi ncwadi zeBhayibhile zingezantsi uze ukrwele umgca oya kunyaka eyagqitywa ngayo.
1513 B.C.E 1473 B.C.E. 460 B.C.E. 55-56 C.E. 60-61 C.E.
4. UYobhi
5. INdumiso
6. KwabaseKolose
NDINGUBANI?
7. Emva kokuba ndafumana umbono kumoya ongendawo, ndagqiba ekubeni uYehova akanantembelo kubakhonzi bakhe.
NDINGUBANI?
8. Ndisuka eKolose yaye ndathandazela ibandla laseLawodike nelaseHirapoli.
KULE NKUPHO
Phendula le mibuzo uze ufakele indinyana (ii) zeBhayibhile.
Iphepha 5 Kutheni kungebobulumko ukuthembela kwiintliziyo zethu? (Yeremiya 17:․․․)
Iphepha 7 Yintoni eyenziwa yimithetho nezikhumbuzo zikaYehova kuthi? (INdumiso 19:․․․)
Iphepha 11 Iliso lethu lifanele lijoliswe entwenini? (Filipi 2:․․․)
Iphepha 20 Sinokubonisa njani ukuba siyamthanda uThixo? (1 Yohane 5:․․․)
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba unokuyifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho chaza into eyenzekayo kumfanekiso ngamnye.
(Iimpendulo zifumaneka kwiphepha 27)
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31
1. Wayisafaza impahla yakhe ngokuphila ubomi bokurheletya.—Luka 15:11-13.
2. Waba nosizi.—Luka 15:20-24.
3. Waqumba waza wanomona.—Luka 15:25-30.
4. NguMoses, ngowe-1473 B.C.E.
5. NguDavide, unyana kaKora, nguHeman, lilungu lendlu ka-Asafu, nguMoses, nguSolomon, nguEtan yaye mhlawumbi nabanye, ngowe-460 B.C.E.
6. NguPawulos, ngowama-60-61 C.E.
7. NdinguElifazi.—Yobhi 4:1, 13-18.
8. NdinguEpafra.—Kolose 4:12, 13.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
Isangqa esisezantsi: Imifanekiso ivela kwiTourism Western Australia