Zekariya 4:1-14
4 Ingelosi eyayithetha nam yabuya yaza yandivusa, ngokungathi ivusa umntu osebuthongweni.
2 Yathi kum: “Ubona ntoni?”
Ndathi: “Jonga! ndibona isiphatho sezibane, esiyigolide+ sonke, sinesitya phezu kwaso. Kukho izibane ezisixhenxe kuso,+ kwaye ezo zibane ziphezu kwaso zinemibhobho esixhenxe.
3 Ecaleni kwaso kukho imithi emibini yeminquma,+ omnye ungasekunene kwesitya omnye ungasekhohlo.”
4 Ndathi kwingelosi eyayithetha nam: “Zithetha ntoni ezi zinto, nkosi yam?”
5 Yona yabuza yathi: “Awazi na ukuba zithetha ntoni ezi zinto?”
Ndathi: “Hayi nkosi yam.”
6 Ngoko yathi kum: “Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli: ‘“Akungamkhosi wamajoni, kungengamandla,+ kodwa kungomoya wam,”+ utsho uYehova wemikhosi.
7 Ungubani na wena, ntabandini inkulu? Phambi koZerubhabheli+ uza kuba lithafa.+ Yena uza kuzisa ilitye eliyintloko, kukhwazwe kusithiwa: “Aliselihle! Aliselihle!”’”
8 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
9 “Zizandla zikaZerubhabheli ezibeke isiseko sale ndlu,+ ibe zizo eziza kuyigqiba.+ Niza kutsho nazi ukuba nguYehova wemikhosi ondithumileyo kuni.
10 Kuba ngubani oyideleleyo imini yeziqalo ezincinci?*+ Baza kuvuya, bayibone intambo yokumeta* esesandleni sikaZerubhabheli. La ngamehlo asixhenxe kaYehova ajonga-jonga emhlabeni wonke.”+
11 Ndayibuza: “Ithetha ntoni le mithi mibini yeminquma ingasekunene nasekhohlo kwesiphatho sezibane?”+
12 Ndayibuza okwesibini, ndathi: “Zithetha ntoni ezi zihlahla* zibini zemithi yeminquma ekuphuma kuzo ioli yegolide ngemibhobho emibini yegolide?”
13 Yathi kum: “Awazi na ukuba zithetha ntoni ezi zinto?”
Ndathi: “Hayi, nkosi yam.”
14 Yathi: “Aba ngabathanjiswa ababini abemi ecaleni kweNkosi yomhlaba wonke.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “yezinto ezincinci.”
^ Ngokoqobo, “balibone ilitye, itoti.”
^ Oko kukuthi, izihlahla zomthi ezineziqhamo.