Yobhi 24:1-25

  • UYobhi uyaqhubeka ephendula (1-25)

    • ‘Kutheni uThixo engabeki xesha?’ (1)

    • Uthi uThixo uvumela ububi (12)

    • Aboni bathanda ubumnyama (13-17)

24  “Kutheni uSomandla engabeki xesha?+ Kutheni abo bamaziyo bengayiboni imini yakhe?*   Abantu babhekelisa imida yemihlaba;+Beba neegusha bazise emadlelweni abo.   Bemka nedonki yabantwana abangenatata,Bathimbe* nenkunzi yenkomo yomhlolokazi.+   Bakhupha amahlwempu endleleni ngetshova;Abaxhwalekileyo banyanzeleka ukuba babazimele.+   Amahlwempu akhangela ukutya okweedonki zasendle;+Akhangelela abantwana bawo ukutya entlango.   Avuna* kumasimi abanye abantu,Achola-chole kumasimi eediliya abenzi-bubi.   Alala eze ubusuku bonke,+Engenanto yakwambatha kuloo ngqele.   Aba manzi tixi ziimvula zasezintabeni;Ancathama emaweni kuba engenakhusi.   Usana olungenatata luxhwilwa ebeleni;+Neempahla zamahlwempu ziyathathwa zibe sisibambiso,+ 10  Anyanzeleke ukuba ahambe ze,Athwale izithungu elambile. 11  Asebenza nzima, etshiswa lilanga ngakwiindonga zamasimi;Ayanxanwa kodwa axovula iwayini.+ 12  Abantu bayagcuma besifa esixekweni;Abenzakeleyo bakhalela uncedo,+Kodwa uThixo akaboni nto imbi kuloo nto.* 13  Kukho nabo badelela ukukhanya;+Abaziboneli ntweni iindlela zako,Ibe abahambi ngazo. 14  Umbulali uvuka ekuseni;Ubulala amahlwempu nabo bangakwazi kuzenzela nto,+Aze ebusuku abe lisela. 15  Umkrexezi ulinda kutshone ilanga,+Esithi, ‘Akukho mntu uza kundibona!’+ Aze agqume ubuso bakhe. 16  Ebusuku amasela aqhekeza izindlu,Aze emini azivalele ezindlini zawo. Awadibani nokukhanya.+ 17  Wona awoyiki ebusuku njengabanye abantu; Oyika ekuseni. 18  Kodwa akhawuleza emke namanzi. Umhlaba wawo uza kuqalekiswa.+ Awazukubuyela kumasimi awo eediliya. 19  Ingcwaba* liginya aboni,+Kanye njengokuba imbalela nobushushu zitshisa amanzi ekhephu! 20  Baza kulityalwa ngoomama babo, batyiwe ziimpethu. Abazukuphinda bakhunjulwe.+ Yaye abenzi-bubi baza kugawulwa njengomthi. 21  Baxhaphaza umfazi ongafumani bantwana,Bamphathe kakubi umhlolokazi. 22  UThixo uza kubatshabalalisa abo bomeleleyo;Nokuba bangaphakama, abaqinisekanga ngobomi babo. 23  UThixo uyabayeka bazithembe, bacinge ukuba bakhuselekile,+Kodwa amehlo akhe abona yonke into abayenzayo.+ 24  Bazukiswa okwethutyana, baze banyamalale.+ Bayathotywa+ baze bafe njengomntu wonke.Baza kuqhawulwa njengezikhwebu. 25  Ngubani ke onokundiphikisaAthi ndiyaxoka?”

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, imini yakhe yomgwebo.
Okanye “Bathathe njengesibambiso.”
Okanye kusenokwenzeka, “Avuna ukutya kwezilwanyana.”
Okanye kusenokwenzeka, “uThixo akamangaleli mntu ngaloo nto.”