Yobhi 19:1-29
19 UYobhi waphendula wathi:
2 “Kuza kude kube nini na nindingcungcuthekisa,+Nindihlaba ngamazwi?+
3 Nindikhalimele* kalishumi;Aninazintloni ukundiphatha ngqwabalala kangaka.+
4 Ukuba nyhani ndenze impazamo,Ayinifuni nganto loo nto.
5 Ukuba niqhubeka nindiphakamela,Nisithi indifanele le nto indehleleyo,
6 Ze nazi ke ukuba ndilahlekiswe nguThixo,Wandibambisa ngomnatha wakhe wokuzingela.
7 Ndiba ngakhwaza ndisithi, ‘Ubundlobongela!’ kodwa ndingahoywa;+Ndiba ngakhalela uncedo, kodwa ndingathethelelwa.+
8 Indlela yam uyivale ngodonga lwamatye, andikwazi kudlula;Uzenze zamnyama iindlela endihamba kuzo.+
9 Undohluthe uzuko lwam,Wasusa nesithsaba sentloko yam.
10 Undiqoba macala onke, uyandigqiba;Ulincothula oku komthi ithemba lam.
11 Uyavutha ngumsindo,Ibe undibona njengotshaba lwakhe.+
12 Imikhosi yakhe indirhangqile,Ijikeleze intente yam.
13 Undenze ndabalekwa nangabantakwethu,Nabantu abandaziyo bandilahlile.+
14 Abahlobo bam bandishiyile,*Nabantu ebendivana nabo bandilibele.+
15 Iindwendwe zam+ nezicakakazi zam azisandazi;Ndingumntu nje wasemzini kuzo.
16 Ndiba ngasikhwaza isicaka sam, suke singaphenduli.Ndiyasicenga ukuba sibe nosizi.
17 Umfazi wam wenyanya nokuphefumla oku kwam,+Ndinuka kakubi nakubantakwethu.
18 Ndidelelwa nangabantwana;Xa ndiphakama, bayandinxwala.
19 Bonke abahlobo bam bayandicaphukela,+Yaye bonke abo ndibathandayo bandijikele.+
20 Ulusu lwam nenyama yam zithe nca emathanjeni am,+Ibe ndisinde cebetshu.
21 Ndisizeleni, bahlobo bam, ndisizeleni,Kuba ndibethwe sisandla sikaThixo.+
22 Kutheni ninditshutshisa njengoThixo nje,+Ningayeki ukundihlasela?+
23 Akwaba amazwi am ebebhalwe phantsi!Akwaba ebebhalwe encwadini!
24 Akwaba ebebhalwe elityeni ngonaphakade,Ngosiba lwentsimbi nelothe!
25 Kuba ndiyazi ukuba ukhona umsindisi wam,+Uza kuza, eme emhlabeni.*
26 Nokuba ndingabhitya ndibe ngamathambo,Ndiza kumbona uThixo ndiseyinyama,
27 Ndiza kumbona ngokwam,Ngawam amehlo, kungekhona awomnye umntu.+
Kodwa ke ndisebuhlungu ngaphakathi.*
28 Kuba nithi, ‘Utsho njani ukuba siyamtshutshisa?’+
Ngokungathi ndim onengxaki.
29 Nini abamele baloyike ikrele,+Kuba ikrele lohlwaya abo bonayo.Ze nazi ke ukuba ukhona umgwebi.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Nindithuke.”
^ Okanye “Izihlobo zam zindishiyile.”
^ Ngokoqobo, “eluthulini.”
^ Okanye “Izintso zam zifile.”