Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi KaYobhi

Izahluko

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • Ukuthembeka nobutyebi bukaYobhi (1-5)

    • USathana uthandabuza izizathu zikaYobhi zokuthembeka (6-12)

    • UYobhi uphelelwa bubutyebi aze aswelekelwe nangabantwana (13-19)

    • UYobhi akamtyholi uThixo (20-22)

  • 2

    • USathana uphinda athandabuze izizathu zikaYobhi zokuthembeka (1-5)

    • USathana uyavunyelwa ukuba ambethe emzimbeni uYobhi (6-8)

    • Umfazi kaYobhi uthi: “Thetha kakubi ngalo Thixo, usuke ufe ke!” (9, 10)

    • Kufika abahlobo abathathu bakaYobhi (11-13)

  • 3

    • UYobhi ubuhlungu ngenxa yokuzalwa kwakhe (1-26)

      • Uyabuza ukuba kutheni esezintlungwini (20, 21)

  • 4

    • UElifazi uthetha okokuqala (1-21)

      • Ugxeka ukuthembeka kukaYobhi (7, 8)

      • Uchaza into ethethwe ngumoya (12-17)

      • ‘UThixo akabathembanga abakhonzi bakhe’ (18)

  • 5

    • UElifazi uyaqhubeka ethetha (1-27)

      • ‘UThixo izilumko uzibamba kanye ngala maqhinga azo’ (13)

      • ‘UYobhi makangayideli ingqeqesho kaThixo’ (17)

  • 6

    • Impendulo kaYobhi (1-30)

      • Uthi ufanele ukukhala (2-6)

      • Abathuthuzeli bakhe banamaqhinga (15-18)

      • “Amazwi xa eyinyani awahlabi!” (25)

  • 7

    • UYobhi uyaqhubeka ephendula (1-21)

      • Ubomi bufana nomsebenzi osisinyanzelo (1, 2)

      • “Undileqa ngantoni?” (20)

  • 8

    • UBhiledadi uthetha okokuqala (1-22)

      • Uzama ukuthi oonyana bakaYobhi bonile (4)

      • ‘Ukuba ubumsulwa, uThixo ebeza kukukhusela’ (6)

      • Uzama ukuthi uYobhi umlahlile uThixo (13)

  • 9

    • Impendulo kaYobhi (1-35)

      • Umntu akanakujijisana noThixo (2-4)

      • ‘Wenza izinto ezingenakuqondwa’ (10)

      • Umntu akanakuphikisana noThixo (32)

  • 10

    • UYobhi uyaqhubeka ephendula (1-22)

      • ‘UThixo undisukela ngantoni?’ (2)

      • Umahluko phakathi kukaThixo noYobhi (4-12)

      • ‘Ndifuna ukuphumla’ (20)

  • 11

    • UTsofare uthetha okokuqala (1-20)

      • Uthi uYobhi uyaloqa (2, 3)

      • Uthi uYobhi makayeke ukwenza izinto ezimbi (14)

  • 12

    • Impendulo kaYobhi (1-25)

      • “Anindodluli nganto” (3)

      • “Ndiyinto yokuhlekisa” (4)

      • ‘Ubulumko bobukaThixo’ (13)

      • UThixo ungaphezulu kuneejaji nookumkani (17, 18)

  • 13

    • UYobhi uyaqhubeka ephendula (1-28)

      • ‘Ndifuna ukuthetha noThixo’ (3)

      • ‘Ningoongantweni nje boogqirha’ (4)

      • “Ndiyazi ukuba ndimsulwa” (18)

      • Uyabuza ukuba kutheni uThixo embona elutshaba (24)

  • 14

    • UYobhi uyaqhubeka ephendula (1-22)

      • Ubomi bomntu bufutshane, buneenkathazo (1)

      • “Nomthi lo unalo ithemba” (7)

      • ‘Owu akwaba ubungandifihla engcwabeni!’ (13)

      • “Ukuba umntu uyafa, angaphila na kwakhona?” (14)

      • UThixo uza kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakhe (15)

  • 15

    • UElifazi uthetha okwesibini (1-35)

      • Uthi uYobhi akamoyiki uThixo (4)

      • Uthi uYobhi uzenza bhetele (7-9)

      • ‘UThixo akazithembanga iingelosi zakhe’ (15)

      • ‘Umenzi-bubi uyangcungcutheka’ (20-24)

  • 16

    • Impendulo kaYobhi (1-22)

      • “Ningabathuthuzeli abayinkathazo!” (2)

      • Uthi uThixo ujolise iintolo zakhe kuye (12)

  • 17

    • UYobhi uyaqhubeka ephendula (1-16)

      • “Ndingqongwe ngabantu abandigezelayo” (2)

      • “Undenze into yokuthukwa” (6)

      • “Ingcwaba liza kuba likhaya lam” (13)

  • 18

    • UBhiledadi uthetha okwesibini (1-21)

      • Uchaza izinto ezehlela aboni (5-20)

      • Uzama ukuthi uYobhi akamazi uThixo (21)

  • 19

    • Impendulo kaYobhi (1-29)

      • Akazimameli iziluleko zabantu abazenza abahlobo bakhe (1-6)

      • Uthi ulahliwe (13-19)

      • “Ukhona umsindisi wam” (25)

  • 20

    • UTsofare uthetha okwesibini (1-29)

      • Uziva ethukiwe nguYobhi (2, 3)

      • Uzama ukuthi uYobhi ungumenzi-bubi (5)

      • Uthi uYobhi uyakuthanda ukona (12, 13)

  • 21

    • Impendulo kaYobhi (1-34)

      • ‘Kutheni abenzi-bubi bephumelela?’ (7-13)

      • Ubhenca abantu abenza ngathi bayamthuthuzela (27-34)

  • 22

    • UElifazi uthetha okwesithathu (1-30)

      • ‘Ikhona into umntu anokumnceda ngayo uThixo?’ (2, 3)

      • Uthi uYobhi uyabawa yaye akanabulungisa (6-9)

      • ‘Buyela kuThixo, uza kuphinda uphumelele’ (23)

  • 23

    • Impendulo kaYobhi (1-17)

      • Ufuna ukuzithethelela kuThixo (1-7)

      • Uthi akamfumani uThixo (8, 9)

      • ‘Ndiyigcinile indlela yakhe, ibe andikhange ndiyishiye’ (11)

  • 24

    • UYobhi uyaqhubeka ephendula (1-25)

      • ‘Kutheni uThixo engabeki xesha?’ (1)

      • Uthi uThixo uvumela ububi (12)

      • Aboni bathanda ubumnyama (13-17)

  • 25

    • UBhiledadi uthetha okwesithathu (1-6)

      • ‘Angamsulwa njani umntu phambi koThixo?’ (4)

      • Uthi ukuthembeka kwabantu yinkcitha-xesha (5, 6)

  • 26

    • Impendulo kaYobhi (1-14)

      • ‘Nimncedile lowo ungenamandla!’ (1-4)

      • ‘UThixo uwujingisa emoyeni umhlaba’ (7)

      • ‘Yimiphetho nje yeendlela zikaThixo’ (14)

  • 27

    • UYobhi uzimisele ukuhlala ethembekile (1-23)

      • “Andizukuyeka ukuba msulwa” (5)

      • Abantu abangamkhonziyo uThixo abanathemba (8)

      • “Kutheni nithetha izinto ezingekhoyo?” (12)

      • Abenzi-bubi bashiyeka bengenanto (13-23)

  • 28

    • UYobhi ubonisa umahluko phakathi kobutyebi bomhlaba nobulumko (1-28)

      • Iinzame zabantu zokwemba ubutyebi (1-11)

      • Ubulumko buxabiseke ngaphezu kweeperile (18)

      • Obona bulumko kukoyika uYehova (28)

  • 29

    • UYobhi ukhumbula ngokuya kwakumnandi ngaphambi kokufika kweengxaki zakhe (1-25)

      • Wayehlonitshwa egeyithini yesixeko (7-10)

      • Wayenobulungisa (11-17)

      • Wonke umntu wayezimamela iziluleko zakhe (21-23)

  • 30

    • UYobhi uchaza indlela izinto ezitshintshe ngayo (1-31)

      • Ugezelwa ngoongantweni (1-15)

      • UThixo ubonakala engancedi (20, 21)

      • “Ulusu lwam lumnyama” (30)

  • 31

    • UYobhi uthethelela ukuthembeka kwakhe (1-40)

      • “Isivumelwano namehlo am” (1)

      • Ucela ukubekwa esikalini nguThixo (6)

      • Akakrexezi (9-12)

      • Akathandi mali (24, 25)

      • Akakhonzi zithixo (26-28)

  • 32

    • UElihu oselula uyangena kule ncoko (1-22)

      • Ucatshukiswa nguYobhi nabahlobo bakhe (2, 3)

      • Uye wabahlonipha, wabalinda ngaphambi kokuba athethe (6, 7)

      • Abuyi ngaminyaka kuphela ubulumko (9)

      • UElihu ukufuna shushu ukuthetha (18-20)

  • 33

    • UElihu ululeka uYobhi kuba ezenza ilungisa kakhulu (1-33)

      • Kufunyanwa indlela yokuhlawulela (24)

      • Buyela emandleni obutsha (25)

  • 34

    • UElihu uthethelela ubulungisa neendlela zikaThixo (1-37)

      • UYobhi uthe uThixo akavumanga ukumenzela ubulungisa (5)

      • Soze uThixo wokwenene enze izinto ezimbi (10)

      • UYobhi akanalwazi (35)

  • 35

    • UElihu uchaza indlela egqwethekileyo acinga ngayo uYobhi (1-16)

      • UYobhi uthe ulilungisa ngaphezu koThixo (2)

      • UThixo uphezulu, isono asimenzi nto (5, 6)

      • UYobhi umele alinde uThixo (14)

  • 36

    • UElihu uthi uThixo mkhulu ngendlela engenakuqondwa (1-33)

      • Abathobelayo bayaphumelela, abamlahlileyo uThixo bayalahlwa (11-13)

      • ‘Ngubani okwaziyo ukufundisa njengoThixo?’ (22)

      • UYobhi umele azukise uThixo (24)

      • “UThixo mkhulu ngendlela esingenakuyiqonda” (26)

      • UThixo ulawula imvula nemibane (27-33)

  • 37

    • Indalo ibonisa ubukhulu bukaThixo (1-24)

      • UThixo uyakwazi ukumisa izinto ezenziwa ngabantu (7)

      • ‘Cingisisa ngezinto ezimangalisayo ezenziwe nguThixo’ (14)

      • Abantu abanakukwazi ukumqonda uThixo (23)

      • Akukho mntu umele acinge ukuba usisilumko (24)

  • 38

    • UYehova ubonisa ukuba umntu mncinci (1-41)

      • ‘Wawuphi xa kwakusekwa umhlaba?’ (4-6)

      • Oonyana bakaThixo bakhwaza bemdumisa (7)

      • Ubuzwa ngendalo (8-32)

      • ‘Imithetho elawula amazulu’ (33)

  • 39

    • Izilwanyana zibonisa ukuba umntu akazi nto (1-30)

      • Iibhokhwe zasezintabeni namaxhamakazi (1-4)

      • Idonki yasendle (5-8)

      • Inkunzi yenkomo yasendle (9-12)

      • Inciniba (13-18)

      • Ihashe (19-25)

      • Ukhetshe nokhozi (26-30)

  • 40

    • Eminye imibuzo evela kuYehova (1-24)

      • UYobhi uyavuma ukuba akananto yokuthetha (3-5)

      • ‘Ufuna ukuthandabuza ubulungisa bam na?’ (8)

      • UThixo uchaza amandla eBhehemote (15-24)

  • 41

    • UThixo uchaza iLeviyatan emangalisayo (1-34)

  • 42

    • UYobhi uphendula uYehova (1-6)

    • Abahlobo abathathu bayakhalinyelwa (7-9)

    • UYehova ubuyisela uYobhi izinto zakhe (10-17)

      • Oonyana bakaYobhi neentombi zakhe (13-15)