Yeremiya 3:1-25
3 Abantu bayabuza: “Ukuba indoda iyamgxotha umfazi wayo aze yena aye kwenye indoda, ngaba loo ndoda ifanele ibuyele kuloo mfazi?”
Ngaba elo lizwe alingcoliswanga ngokupheleleyo?+
“Wena uye wathengisa ngomzimba kubantu abaninzi;+Ngaba ke ngoku ufanele ubuyele kum?” utsho uYehova.
2 “Phakamisela amehlo akho kwiinduli ezize, uze ubone.
Kuphi apho ungadlwengulwanga khona?
Ubalinde ecaleni kweendlela,Njengonothwal’ impahlana* entlango.
Uqhubeka ungcolisa ilizweNgokuthengisa kwakho ngomzimba nangobubi obenzayo.+
3 Ngoko izantyalantyala zemvula zithintelwe,+Akukho mvula entwasahlobo.
Usuke wafana nomfazi* othengisa ngomzimba;Sewaphelelwa naziintloni.+
4 Kodwa ngoku uyandikhwaza usithi,‘Tata, wena ungumhlobo wasebutsheni bam!+
5 Ngaba umntu umele ahlale ecaphukile ngonaphakade,Okanye ahlale enenzondo?’
Uthetha loo nto,Kodwa uhlala usenza zonke izinto ezimbi okwaziyo ukuzenza.”+
6 Ngemihla kaKumkani uYosiya,+ uYehova wathi kum: “‘Uyibonile na into eyenziwe nguSirayeli ongathembekanga? Unyuke waya kuzo zonke iintaba eziphakamileyo naphantsi kwayo yonke imithi eluhlaza, ukuze athengise ngomzimba.+
7 Nasemva kokuba enze zonke ezi zinto, ndandisoloko ndimxelela ukuba abuyele kum,+ kodwa akazange abuye; noYuda wahlala emjongile udadewabo onamaqhinga.+
8 Ndathi ndakuyibona loo nto, ndamkhulula uSirayeli ongathembekanga, ndamnika isatifiketi sokuqhawula umtshato+ ngenxa yokuba wayekrexeza.*+ Kodwa udadewabo onamaqhinga uYuda akazange oyike; naye wasuka wayokuba ngumfazi othengisa ngomzimba.+
9 Ukuthengisa kwakhe ngomzimba wakuthatha njengento engenamsebenzi, waqhubeka elingcolisa ilizwe waza wakrexeza* namatye nemithi;+
10 Phezu kwayo yonke loo nto, udadewabo uYuda onamaqhinga akabuyelanga kum ngentliziyo yakhe yonke, uzenze ngathi ubuyele,’ utsho uYehova.”
11 Emva koko, uYehova wathi kum: “USirayeli ongathembekanga ulilungisa kakhulu kunoYuda onamaqhinga.+
12 Hamba uyokuthetha la mazwi emntla:+
“‘“Yhini Sirayeli ondijikeleyo, buya,” utsho uYehova.’+ ‘“Andizukukujonga ndinomsindo,+ kuba ndithembekile,” utsho uYehova.’ ‘“Andizukuhlala ndicaphukile.
13 Wena nje vuma ukuba unetyala, kuba uye wamjikela uYehova uThixo wakho. Uye waqhubeka uleqeka emva kwabantu* basemzini,* phantsi kwayo yonke imithi eluhlaza, kodwa awulimamelanga ilizwi lam,” utsho uYehova.’”
14 “Buyani nina bonyana bangathobeliyo,” utsho uYehova. “Kuba mna ndiye ndayinkosi yenu;* ndiza kuthatha abe mnye esixekweni baze babe babini entsatsheni, ibe ndiza kunizisa eZiyon.+
15 Ndiza kuninika abelusi ngokuvumelana nentliziyo yam,+ kwaye baza kunondla ngolwazi nangobulumko.
16 Ngaloo mihla niza kuba baninzi nize niqhame,” utsho uYehova.+ “Abasazukuba sathi, ‘Ityeya yesivumelwano kaYehova!’ Ayizukuthi qatha entliziyweni, bengazukuyikhumbula okanye bayifune, ibe ayizukuphinda yenziwe.
17 Ngelo xesha baza kuyibiza iYerusalem ngokuba yitrone kaYehova;+ yaye zonke iintlanga ziza kuhlanganiselwa kwigama likaYehova eYerusalem,+ ibe abazukuzilandela ngenkani iintliziyo zabo ezimbi.”
18 “Ngaloo mihla baza kuhamba kunye, indlu kaYuda nendlu kaSirayeli,+ ibe bobabini baza kuphuma kwilizwe lasemntla baye kwilizwe endalinika ookhokho benu ukuba libe lilifa.+
19 Ibe ndacinga le nto, ‘Ngebhongo ndanibeka phakathi koonyana ndaza ndaninika ilizwe elithandekayo, ilifa elihle phakathi kweentlanga!’*+ Kwakhona ndandicinga ukuba niza kuthi xa nindibiza, ‘Tata!’ ibe anizukuyeka ukundilandela.
20 ‘Kanye njengomfazi oshiye indoda yakhe ngamaqhinga,* nina ndlu kaSirayeli nindenzele amaqhinga,’+ utsho uYehova.”
21 Kwiindlela ezihanjwayo kuvakele isandi,Ukulila nokubongozwa kwabantu bakwaSirayeli.Kuba bayigqwethile indlela yabo;Bamlibele uYehova uThixo wabo.+
22 “Buyani, nina bonyana baqaqadekileyo.
Ndiza kuniphilisa ekuqaqadekeni kwenu.”+
“Sithi aba! Size kuwe,Kuba wena Yehova unguThixo wethu.+
23 Iinduli kwakunye nengxolo esezintabeni zezobuxoki.+
NguYehova uThixo wethu osindisa uSirayeli.+
24 Kodwa into elihlazo ikudle yakugqiba* ukubulaleka kookhokho bethu ukususela ebutsheni bethu,+Imihlambi yabo yeegusha neyeenkomo,Oonyana babo neentombi zabo.
25 Masilale phantsi sihlazekile,Ukuthotywa kwethu kusogqume;Kuba simonile uYehova uThixo wethu,+Thina nootata bethu ukususela ebutsheni bethu de kube namhlanje,+Kwaye asilithobelanga ilizwi likaYehova uThixo wethu.”
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “NjengomArabhiya.”
^ Ngokoqobo, “wanebunzi lomfazi.”
^ Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
^ Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
^ Ngokoqobo, “neendlela eziya ebantwini.”
^ Okanye “koothixo basemzini.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “ndayindoda yenu.”
^ Ngokoqobo, “kwemikhosi yeentlanga.”
^ Ngokoqobo, “iqabane lakhe.”
^ Okanye “uthixo olihlazo ukudle wakugqiba.”