Mika 3:1-12
3 Ndathi: “Ndicela nimamele, nina zintloko zakwaYakobiNani baphathi bendlu kaSirayeli.+
Animelanga nikwazi na okububulungisa?
2 Kodwa niyakucaphukela okulungileyo,+ nithanda okubi.+Nihluthula ulusu lwabantu bam nenyama emathanjeni abo.+
3 Nitya nenyama yabantu bam+Nibahluba ulusu,Naphula amathambo abo, niwakroboze abe ziingceba,+
Njengento ephekwa embizeni,* njengenyama embizeni yokupheka.
4 Ngelo xesha baza kukhwaza uYehova becela uncedo,Kodwa akazukubaphendula.
Uza kubufihla ubuso bakhe kubo ngelo xesha,+Ngenxa yobubi ababenzileyo.+
5 UYehova uthi ngabaprofeti abalahlekisa abantu bam,+Abakhwaza besithi ‘Uxolo!’+ ngoxa beluma* ngamazinyo abo+Kodwa besilwa nabo bangafaki nto emilonyeni yabo:
6 ‘Niza kuba nobusuku;+ kungabikho mbono.+Kuza kubakho nje ubumnyama kuni, ningakwazi ukuvumisa.
Ilanga liza kubatshonela abaprofeti,Nemini ibe mnyama kubo.+
7 Iimboni ziza kuhlaziswa,+Nabavumisi baza kuphoxeka.
Kuza kufuneka bonke bogqume imilomo,*Kuba kungekho mpendulo ivela kuThixo.’”
8 Mna ke, umoya kaYehova undenze ndanamandla,Ngobulungisa nokomelela,Ukuze ndimxelele uYakobi ngokungathobeli kwakhe, uSirayeli ngesono sakhe.
9 Ndicela nimamele, nina zintloko zendlu kaYakobiNani baphathi bendlu kaSirayeli,+Abenyanya ubulungisa nabagoba yonke into ethe ngqo;+
10 Abakha iZiyon ngokuchitha igazi, iYerusalem ngendlela engeyoyabulungisa.+
11 Iinkokheli* zayo zigweba ngokunyotywa,+Ababingeleli bayo bafundisa ngexabiso,+Nabaprofeti bayo bavumisa ngemali.*+
Sekunjalo, bayama ngoYehova,* besithi:
“UYehova ukunye nathi.+
Akukho ntlekele iza kusehlela.”+
12 Ngoko ngenxa yenu,IZiyon iza kulinywa njengentsimi,IYerusalem iza kuba ngamabhodlo,+Nentaba yeNdlu* iza kuba njengeendawo eziphakamileyo ehlathini.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “embizeni enkulu.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “xa benento yokuhlafuna.”
^ Okanye “amabhovu.”
^ Okanye “bathi bayame ngoYehova.”
^ Okanye “ngesilivere.”
^ Ngokoqobo, “Iintloko.”
^ Okanye “yetempile.”