Kubalisa uMarko 9:1-50

  • UYesu uyatshintsha (1-13)

  • Kuphiliswa inkwenkwe enedemon (14-29)

    • Zonke izinto zinako ukwenzeka kumntu onokholo (23)

  • Kuphinda kuprofetwe ngokufa kukaYesu (30-32)

  • Abafundi baphikisana ngokuba ngubani omkhulu (33-37)

  • Nabani na ongasichasiyo ungakuthi (38-41)

  • Izinto ezenza abantu bone (42-48)

  • “Yibani nencasa yetyiwa” (49, 50)

9  Kwakhona uYesu wathi kubo: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, kubantu abemi apha, kukho abangazukufa de baqale babubone uBukumkani bukaThixo sele bumiselwe.”+  Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu wenyuka intaba ephakamileyo noPetros noYakobi noYohane. Bambona etshintsha;+  izambatho zakhe zangaphezulu zabengezela, zamhlophe lee kunokuba zinokwenziwa ngumntu.  Kwathi kusenjalo, babona uEliya noMoses bencokola noYesu.  Emva koko uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi,* kuyasivuyisa ukuba lapha. Ngoko masimise iintente zibe ntathu, eyakho, ekaMoses nekaEliya.”  UPetros wayengazi ukuba makathini, kuba babesoyika kakhulu.  Kwavela ilifu phezu kwabo, kwaza kwavakala ilizwi+ kwelo lifu, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo.+ Mmameleni.”+  Bathe bakubhekabheka babona ukuba akusekho mntu ngaphandle koYesu.  Bathi ke xa besihla entabeni, uYesu wabayalela kabukhali ukuba bangaxeleli mntu ngale nto bayibonileyo,+ de uNyana womntu avuswe ekufeni.+ 10  Bammamela,* kodwa babuzana bodwa ukuba kuthetha ukuthini ukuvuka kwakhe. 11  Bambuza bathi: “Kutheni ababhali besithi kumele kuqale kufike uEliya?”+ 12  Wathi kubo: “UEliya uyafika nyhani aze alungise yonke into;+ kodwa ke, kutheni kubhalwe kwathiwa uNyana womntu umele eve iintlungu ezininzi+ aze adelelwe?+ 13  Kodwa ndithi kuni, uEliya+ sele ezile, baza benza unothanda kuye, kanye njengokuba kubhaliwe ngaye.”+ 14  Bathi bakufika kwabanye abafundi, bababona bengqongwe ngabantu abaninzi, kukho nababhali bephikisana nabo.+ 15  Bathe nje abantu bakumbona, bamangaliswa baza babaleka bayokumbulisa. 16  Wababuza esithi: “Niphikisana ngantoni naba bantu?” 17  Omnye kwabo bantu wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe kuba unedemon emenza angathethi.+ 18  Ithi xa imphethe, imjule phantsi, alephuze amagwebu, atshixize amazinyo, aphelelwe nangamandla. Ndicele abafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa khange bakwazi.” 19  UYesu wathi kubo: “Owu sizukulwanandini singenalukholo,+ kufuneka ndihlale nani de kube nini? Koda kube nini ndininyamezele? Mziseni apha.”+ 20  Ngoko bayizisa kuye le nkwenkwe, kodwa loo demon ithe yakumbona uYesu, yayixhuzulisa, yawa phantsi iqika-qikeka, ilephuza namagwebu. 21  Emva koko uYesu wabuza utata wale nkwenkwe wathi: “Kudala kangakanani le nto isenzeka?” Wathi: “Yaqala esemncinci, 22  yaye amaxesha amaninzi imphosa emlilweni nasemanzini ifuna ukumbulala. Ukuba unako, sisizele uze usincede.” 23  UYesu wathi kuye: “Kutheni usithi, ‘Ukuba unako’? Kaloku, zonke izinto zinako ukwenzeka kulowo unokholo.”+ 24  Ngoko nangoko utata womntwana wakhwaza esithi: “Ndinalo ukholo! Ndincede ndibe nokholo olungaphezu kolu ndinalo!”+ 25  UYesu waqaphela ukuba abantu babebaleka besiza kubo, waza wayingxolisa loo demon, esithi: “Demonindini esisimumu nesisithulu, ndithi kuwe phuma kuye, uze ungaphindi ubuye!”+ 26  Le demon yamxhuzulisa kaninzi lo mntwana, yakhala kakhulu, yaphuma, waza umntwana waba ngathi ufile, kangangokuba abantu abaninzi babesithi: “Ufile!” 27  Kodwa uYesu wambamba ngesandla, wamphakamisa, waza wema ngeenyawo. 28  Ngoko emva kokuba engene endlini, abafundi bakhe bambuza ecaleni besithi: “Kutheni singakwazanga nje thina ukuyikhupha?”+ 29  Wathi kubo: “Olu hlobo lwedemon lukhutshwa ngomthandazo kuphela.” 30  Bemka apho, badlula eGalili, kodwa wayengafuni kubekho nabani na uyaziyo loo nto. 31  Wayefundisa abafundi bakhe, esithi kubo: “UNyana womntu uza kujikelwa aze anikelwe ebantwini, ibe baza kumbulala,+ kodwa uza kuvuka emva kweentsuku ezintathu.”+ 32  Kodwa ke, babengayiqondi le nto ayithethayo, ibe babesoyika ukumbuza. 33  Bafika eKapernahum, waza uYesu akuba sendlini, wabuza abafundi bakhe esithi: “Beniphikisana ngantoni endleleni?”+ 34  Bathi cwaka, kuba endleleni bebephikisana ngokuba ngubani omkhulu. 35  Ngoko wahlala phantsi, wabiza abapostile bakhe abayi-12 waza wathi kubo: “Ukuba nabani na ufuna ukuba ngowokuqala, umele abe ngowokugqibela kubo bonke aze asebenzele abanye.”+ 36  Emva koko wathatha umntwana omncinci, wammisa phakathi kwabo, wamgona waza wathi kubo: 37  “Nabani na owamkela omnye wabantwana abancinci+ njengalo egameni lam, wamkela nam; ibe nabani na owamkela mna, akamkeli mna ndedwa, kodwa wamkela naLowo undithumileyo.”+ 38  UYohane wathi kuye: “Mfundisi, sibone umntu ekhupha iidemon egameni lakho, sazama ukumnqanda, kuba akanguye omnye wethu.”+ 39  Kodwa uYesu wathi: “Myekeni, kuba akukho mntu unokwenza imimangaliso egameni lam aze ajike athethe kakubi ngam. 40  Kuba nabani na ongasichasiyo ungakuthi.+ 41  Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na oninika amanzi okusela ngenxa yokuba ningabakaKristu,+ nakanjani na uza kuwufumana umvuzo wakhe.+ 42  Kodwa nabani na owenza omnye waba bancinci aphelelwe lukholo, ngekubhetele ukuba ebebotshelelwe ilitye elikhulu lokuguba* entanyeni waza waphoswa elwandle.+ 43  “Ukuba isandla sakho sikwenza wone, sinqumle. Kungcono ufumane ubomi ulimele kunokuba uthi unezandla zozibini uye eGehena,* emlilweni ongenakucimeka.+ 44  *—— 45  Yaye ukuba unyawo lwakho lukwenza wone, lunqumle. Kungcono ufumane ubomi usisiqhwala kunokuba uthi uneenyawo zombini uphoswe eGehena.*+ 46  *—— 47  Yaye ukuba ilihlo lakho likwenza wone, lilahle kude.+ Kungcono ungene eBukumkanini bukaThixo unelihlo elinye kunokuba uthi unamehlo omabini uphoswe eGehena,*+ 48  apho iimpethu zingafiyo nomlilo ungacinywayo.+ 49  “Bonke abo bantu bamele bagalelwe umlilo+ ngokungathi bagalelwa ityiwa. 50  Ityiwa ilungile, kodwa ukuba iphelelwa yincasa, niza kuyibuyisela ngantoni incasa yayo?+ Yibani nencasa yetyiwa,+ kuhlale kukho uxolo phakathi kwenu.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Rabhi.”
Okanye “abazange baxelele mntu.”
Okanye “ilitye lokuguba elijikeleziswa yidonki.”