Levitikus 26:1-46

  • Makungakhonzwa zithixo (1, 2)

  • Iintsikelelo ngenxa yokuthobela (3-13)

  • Isohlwayo ngenxa yokungathobeli (14-46)

26  “‘Nize ningazenzeli oothixo abangenaxabiso,+ yaye ningazimiseli umfanekiso oqingqiweyo+ okanye nizenzele intsika engcwele, yaye ningabeki litye+ elizweni lenu ngenjongo yokuqubuda kulo,+ kuba ndinguYehova uThixo wenu.  Nimele nizigcine iisabatha zam, yaye niyihlonele indawo* yam engcwele. NdinguYehova.  “‘Ukuba niyaqhubeka niphila ngemiyalelo yam nize nithobele imithetho yam, niyenze,+  ndiza kuninisela imvula eninzi ngexesha elifanelekileyo,+ lize ilizwe libe nemveliso,+ nemithi yentsimi ivelise iziqhamo zayo.  Niza kubhula kude kufike ixesha lokuba nivune iidiliya, nexesha lokuvuna iidiliya liza kuqhubeka de kube lixesha lokutyala, yaye niza kutya isonka senu nide nanele nize nihlale nikhuselekile elizweni lenu.+  Ndiza kuzisa uxolo elizweni,+ niza kulala kungekho mntu unoyikisayo,+ ndize ndiwaphelise amarhamncwa enzakalisayo elizweni, yaye akukho mntu uza kulwa nani ngekrele elizweni lenu.  Nakanjani niza kuzileqa iintshaba zenu, nizoyise ngekrele.  Abahlanu kuni baza kuleqa abayi-100, abayi-100 baleqe abayi-10 000, nizoyise ngekrele iintshaba zenu.+  “‘Ndiza kunisikelela,* ndinenze niqhame, ndize ndinandise,+ ibe ndiza kusigcina isivumelwano endisenze nani.+ 10  Kuza kuthi kusekho isivuno sonyaka ophelileyo, kufuneke nisilahle ukuze nifake esitsha. 11  Ndiza kubeka intente yam engcwele phakathi kwenu,+ ibe andizukunilahla. 12  Ndiza kuba nani, ndibe nguThixo wenu,+ yaye nina niza kuba ngabantu bam.+ 13  NdinguYehova uThixo wenu, owanikhupha elizweni laseYiputa, ukuze niyeke ukuba ngamakhoboka awo, ndazaphula iidyokhwe zenu ndaza ndanenza abantu abahamba beziphakamisile iintloko zabo.* 14  “‘Kodwa, ukuba anizukundimamela okanye anizukuyithobela yonke le mithetho,+ 15  yaye ukuba niyayilahla* imiyalelo yam,+ ibe niyazenyanya izigwebo zam ukuze ningayithobeli yonke imiyalelo yam, nize nisaphule nesivumelwano sam,+ 16  nazi izinto endiza kuzenza kuni: ndiza kunohlwaya ngokunibangela intlungu, ngokunenza nibe nesifo sephepha nomkhuhlane otshisayo, amehlo angaboni kakuhle nize niphelelwe ngamandla. Akuzukuninceda nganto ukutyala imbewu, kuba iza kutyiwa ziintshaba zenu.+ 17  Ndiza kunichasa, yaye niza koyiswa ziintshaba zenu.+ Abo banizondayo baza kuninyathela,+ nibaleke kungekho mntu unileqayo.+ 18  “‘Ukuba ezi zinto azinenzi nindimamele, ndiza kunibetha kasixhenxe kunakuqala ngenxa yezono zenu. 19  Ndiza kuliphelisa ikratshi nenkani yenu, izulu lenu ndilenze libe njengentsimbi+ nomhlaba wenu ube njengekopolo. 20  Niza kuwaqobela ilize amandla enu, kuba umhlaba wenu awuzukuninika imveliso yawo,+ nemithi yelizwe ayizukuninika ziqhamo. 21  “‘Kodwa ukuba aniyeki ukundichasa nize ningandimameli, ndiza kuphinda ndinibethe kasixhenxe ngokwezono zenu. 22  Ndiza kuthumela izilwanyana zasendle kuni,+ yaye ziza koxutha abantwana benu,+ ziqwenge nezilwanyana zenu zasekhaya zize zinciphise inani lenu, neendlela zenu zingahanjwa mntu.+ 23  “‘Ukuba nasemva kwezi zinto anivumi ukulungiswa ndim,+ ibe aniyeki ukundichasa, 24  nam ndiza kunichasa, yaye mna lo ndiza kunibetha kasixhenxe ngenxa yezono zenu. 25  Ndiza kuphindisa ngekrele ngenxa yokwaphula kwenu isivumelwano.+ Ukuba nibalekela ezixekweni zenu, ndiza kuthumela izifo kuni,+ yaye niza kunikelwa esandleni sotshaba.+ 26  Xa ndisenza singafumaneki kuni isonka,*+ abafazi abalishumi baza kusibhaka isonka senu eontini enye baze basabe eso sonka,+ yaye niza kutya kodwa ninganeli.+ 27  “‘Ukuba sekunjalo anindimameli yaye aniyeki ukundichasa, 28  ndiza kuqinisa apha ekunichaseni,+ ndize ndinibethe kasixhenxe ngenxa yezono zenu. 29  Kuza kufuneka nitye inyama yoonyana benu, nitye nenyama yeentombi zenu.+ 30  Ndiza kuzitshabalalisa iindawo zenu eziphakamileyo ezingcwele,+ ndizichithe iindawo zenu zokubeka isiqhumiso esiqholiweyo ndize ndifumbe izidumbu zenu phezu kwezithixo zenu ezingaphiliyo nezenyanyekayo,*+ yaye ndiza kuninikela umva ndinenyanye.+ 31  Izixeko zenu ndiza kuzinikela ekreleni+ ndize ndiziphanzise iingcwele zenu, ndingaweva namavumba amnandi* emibingelelo yenu. 32  Mna ngokwam ndiza kulenza liphanze ilizwe,+ neentshaba zenu eziza kuhlala kulo ziza kulijonga zimangale.+ 33  Ndiza kunichitha-chitha ezintlangeni,+ ndinileqe ngekrele,+ liphanziswe ilizwe lenu,+ nezixeko zenu zitshatyalaliswe. 34  “‘Ngelo xesha ilizwe liza kubuyekeza iisabatha zalo ngayo yonke imihla yokuphanza kwalo, ngoxa nina niza kube niselizweni leentshaba zenu. Ngelo xesha ilizwe liza kuphumla,* kuba limele libuyekeze iisabatha zalo.+ 35  Liza kuphumla ngayo yonke imihla yokuphanza ­kwalo, kuba liza kube lingazange liphumle ebudeni beesabatha zenu ngoxa nanihlala kulo. 36  “‘Abo bashiyekileyo kuni,+ ndiza kubenza boyike kumazwe eentshaba zabo, baza kubalekiswa kukurhashaza kwegqabi eliphetshethwayo, yaye baza kubaleka ngathi babaleka ikrele, bawe kungekho mntu ubaleqayo.+ 37  Ngamnye uza kukhubeka komnye ngokungathi ngabantu ababaleka ikrele, kube kungekho mntu ubaleqayo. Anizukukwazi ukumelana neentshaba zenu.+ 38  Niza kutshabalala phakathi kweentlanga,+ ibe liza kunigqiba ilizwe leentshaba zenu. 39  Abashiyekileyo kuni baza kushiywa baze babolele emazweni eentshaba zenu+ ngenxa yesono senu. Baza kubola nyhani ngenxa yezono zootata babo.+ 40  Emva koko baza kusivuma isono+ nokungathembeki kwabo, nesono sootata babo nokungathembeki kwabo kum, baze bavume ukuba baye abathembeka kum ngokundichasa kwabo.+ 41  Kuza kufuneka nam ndibachase+ ngokubazisa elizweni leentshaba zabo.+ “‘Mhlawumbi xa kunjalo iintliziyo zabo ezinenkani ziza kutsho zithambe,+ baze bahlawule ngenxa yesono sabo. 42  Ndiza kusikhumbula isivumelwano sam noYakobi,+ nesivumelwano sam noIsake,+ ndiza kusikhumbula nesivumelwano sam noAbraham,+ nelizwe ndiza kulikhumbula. 43  Ilizwe lashiyeka lihlawula iisabatha zalo ngoxa balishiyayo,+ lashiyeka lingenabantu, ngoxa babehlawulela isono sabo, kuba bayilahla* imithetho yam, baza bayenyanya.+ 44  Sekunjalo, andisoze ndibalahle ngokupheleleyo+ okanye ndibenyanye de ndibatshabalalise, nto leyo ibinokwaphula isivumelwano sam+ nabo, kuba ndinguYehova uThixo wabo. 45  Ngenxa yabo ndiza kusikhumbula isivumelwano endasenza nookhokho babo+ endabakhupha kwilizwe laseYiputa, iintlanga zijongile,+ ukuze ndizibonakalise ukuba ndinguThixo wabo. NdinguYehova.’” 46  Le yimiyalelo, izigwebo nemithetho eyabekwa nguYehova phakathi kwakhe namaSirayeli, ngoMoses, eNtabeni YaseSinayi.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nimangaliswe yindawo.” Ngokoqobo, “niyoyike.”
Ngokoqobo, “kunijonga.”
Ngokoqobo, “abahamba ngqo.”
Okanye “imiphefumlo yenu iyayilahla.”
Okanye “ukutya kwenu.”
Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.
Okanye “axolisayo; azolisayo.” Ngokoqobo, “athozamisayo.”
Okanye “liya kugcina isabatha.”
Okanye “imiphefumlo yabo yayilahla.”