ISityhilelo Esiya KuYohane 2:1-29

  • Imiyalezo eya e-Efese (1-7), eSmirna (8-11), ePergamo (12-17), naseTiyatira (18-29)

2  “Bhalela ingelosi+ yebandla elise-Efese+ uthi: Lo ubambe iinkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sasekunene, nohamba phakathi kweziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe+ uthi:  ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo, umsebenzi wakho nokunyamezela kwakho, yaye awubanyamezeli abantu abanobubi, futhi uyabavavanya abo bathi bangabapostile,+ kodwa bengengabo, yaye ubafumanise bengamaxoki.  Uyanyamezela, ibe unyamezela ngenxa yegama lam,+ yaye awupheli mandla.+  Kodwa ke, into endingayithandiyo ngawe kukuba awusenalo uthando owawunalo kuqala.  “‘Ngoko ke khumbula apho uwe khona, uze uguquke+ wenze izinto owawuzenza ekuqaleni. Ukuba awuyenzi loo nto, ndiza kuza kuwe, ndisisuse isiphatho sakho sezibane+ endaweni yaso, ngaphandle kokuba uyaguquka.+  Kodwa ke nantsi into entle ngawe, uyazicaphukela izinto ezenziwa liqela lamaNikolawo,+ endizicaphukelayo nam.  Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni,+ eyile: Umntu owoyisayo+ ndiza kumvumela ukuba atye kumthi wobomi,+ okwiparadesi kaThixo.’  “Bhalela ingelosi yebandla eliseSmirna uthi, ‘OwokuQala nowokuGqibela,’+ owafayo waza wabuyela ebomini+ kwakhona uthi:  ‘Ndiyabazi ubunzima odlule kubo nobuhlwempu bakho, kodwa ke usisityebi.+ Ndiyakwazi nokunyeliswa kwakho ngabo bathi bangamaYuda bengengawo, kodwa baliqela likaSathana.+ 10  Sukuzoyika izinto eziza kukwehlela kungekudala.+ Jonga! UMtyholi uza kuqhubeka ephosa abanye benu ejele ukuze nivavanywe ngokupheleleyo, yaye niza kuva ubunzima iintsuku ezilishumi. Zingqine uthembekile kude kuse ekufeni, yaye mna ndiza kukunika isithsaba sobomi.+ 11  Onendlebe makayive+ into ethethwa ngumoya emabandleni, eyile: Umntu owoyisayo+ akasoze akufumane ukufa kwesibini.’+ 12  “Bhalela ingelosi yebandla elisePergamo uthi: Lowo unekrele elide elibukhali macala+ uthi: 13  ‘Ndiyakwazi apho uhlala khona, uhlala apho ikhoyo itrone kaSathana; sekunjalo uqhubeka ubambelele nkqi kwigama lam,+ yaye akuzange ukhanyele ukuba uyakholelwa kum,+ nkqu nangemihla ka-Antipas, ingqina lam elithembekileyo,+ elabulawelwa+ apho uhlala khona, apho ahlala khona noSathana. 14  “‘Noko ke, kukho ezi zinto zimbalwa ndingazithandiyo apha kuwe: apho unabantu ababambelele kwimfundiso kaBhileham,+ owafundisa uBhalaki+ ukuba akhubekise amaSirayeli, ukuze atye izinto ezibingelelwe kwizithixo nokuba aziphathe kakubi ngesondo.*+ 15  Unabo nabantu ababambelele kwimfundiso yeqela lamaNikolawo.+ 16  Ngoko ke guquka. Ukuba awuyenzi loo nto, ndiza kuza kuwe ngokukhawuleza, ndilwe imfazwe nabo ngekrele elide eliphuma emlonyeni wam.+ 17  “‘Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni,+ eyile: Umntu owoyisayo+ ndiza kumnika intwana yemana efihliweyo,+ ndize ndimnike ilitye elincinci elimhlophe, ekubhalwe kulo igama elitsha ekungekho mntu ulaziyo ngaphandle kwalowo ulinikwayo.’ 18  “Bhalela ingelosi yebandla eliseTiyatira+ uthi: UNyana kaThixo, lo unamehlo anjengedangatye lomlilo,+ neenyawo ezinjengekopolo esulungekileyo,+ uthi: 19  ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo, uthando lwakho, ukholo onalo, umsebenzi owenzela uThixo, ukunyamezela kwakho, yaye izinto ozenze mva zingaphezulu kunezinto owazenza ngaphambili. 20  “‘Noko ke, nantsi into endingayithandiyo apha kuwe, uyamnyamezela laa mfazi unguIzebhele,+ ozibiza ngokuba ngumprofetikazi, ofundisa aze alahlekise amakhoboka am ukuba aziphathe kakubi ngesondo,*+ futhi atye izinto ezibingelelwe kwizithixo. 21  Ndimnikile ixesha lokuba aguquke, kodwa akazimiselanga kuguquka kwisenzo sakhe sokuziphatha kakubi ngesondo.* 22  Jonga! Sele ndiza kumphosa kwikhuko lokufa, bona abo bakrexeze naye ndibazisele intlungu engathethekiyo, ngaphandle kokuba bayaguquka kwizenzo zakhe. 23  Abantwana bakhe ndiza kubabulala ngesibetho esibulalayo, ukuze onke amabandla azi ukuba ndihlola ezona ngcinga zinzulu* neentliziyo, yaye ndiza kubuyekeza umntu ngamnye kuni ngokwezenzo zakhe.+ 24  “‘Noko ke, nantsi into endiyithethayo kwabanye baseTiyatira, bonke abo bangayilandelanga le mfundiso, abo bangakhange bazazi “izinto ezinzulu zikaSathana”:+ Andibeki phezu kwenu naluphi na olunye uxanduva. 25  Ngoko ke, qhubekani nizenza izinto ebenikade nizenza ndide ndifike.+ 26  Yaye umntu owoyisayo nozilandelayo izinto endizenzayo kude kuse ekupheleni, ndiza kumnika igunya lokulawula iintlanga,+ 27  yaye uza kubalawula abantu ngentonga yentsimbi,+ ukuze baqhekezwe babe ziingceba okwezitya zodongwe, kanye njengoko nam ndilinikwe nguTata elo gunya. 28  Ndiza kumnika nekhwezi.+ 29  Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni.’

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ahenyuze.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ahenyuze.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “sokuhenyuza.” Eli gama ngesiGrike ngupor·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “izintso.”