Isaya 50:1-11

  • Izono zikaSirayeli zibangela iingxaki (1-3)

  • Umkhonzi kaYehova othobelayo (4-11)

    • Ulwimi nendlebe yezifundiswa (4)

50  Uthi uYehova: “Siphi isiqinisekiso sokuqhawula umtshato+ sikamama wenu endamgxothayo? Khona, ndanithengisa kuwuphi umbolekisi? Jongani! Nathengiswa ngenxa yeziphoso zenu,+Nomama wenu wagxothwa ngenxa yeziphoso zenu.+   Kutheni ke ndifike kungekho mntu? Kutheni ndingazange ndiphendulwe xa ndithetha?+ Ngaba sifutshane isandla sam ukuba singasindisa?Okanye andinawo na amandla okusindisa?+ Jongani! Ndithi ndakukhalima, lome ulwandle;+Imilambo ndiyenza ibe yintlango.+ Iintlanzi zayo ziyabola ngenxa yokungabikho kwamanzi,Ibe ziyafa ngenxa yonxano.   Ndiwambathisa ngobumnyama amazulu,+Ndiwogquma ngamalaphu okwenza ingxowa.”   INkosi enguMongami uYehova indinike ulwimi lwezifundiswa,*+Ukuze ndazi indlela yokuphendula* odiniweyo ngelizwi elifanelekileyo.*+ Iyandivusa ntsasa nganye;Iyayivusa indlebe yam ukuze imamele njengezifundiswa.+   INkosi enguMongami uYehova iyivulile indlebe yam,Ibe mna ndandithobela.+ Ndandingenzi ntando yam.+   Ndabanika umqolo wam abo bandibethayo,Ndabanika nezidlele zam ukuze bazixhwithe.* Andibufihlanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.+   Kodwa iNkosi enguMongami uYehova iza kundinceda.+ Yiloo nto ndingazukuziva ndihlazekile. Yiloo nto ndiqinise ubuso bam njengelitye lenyengane,+Ibe ndiyazi ukuba andizukuhlaziswa.   Lowo undivakalisa ndililungisa ukufutshane nam. Ngubani onokundisola?*+ Makeze sidibane. Ngubani onokundibeka ityala? Makeze kumangala.*   Jonga! INkosi enguMongami uYehova iza kundinceda. Ngubani onokundigweba ngelithi ndinetyala? Jonga! Bonke baza kuguga okwempahla. Baza kutyiwa linundu.* 10  Ngubani apha kuni owoyika uYehovaNomamela ilizwi lomkhonzi wakhe?+ Ngubani ohambe esithokothokweni sobumnyama ekude ekukhanyeni? Makathembele ngegama likaYehova aze azixhase* ngoThixo wakhe. 11  “Jongani! Nonke nina baphemba umlilo,Batakisa iintlantsi,Hambani ekukhanyeni komlilo wenu,Naphakathi kweentlantsi enizivuthisayo. Nantsi into eniza kuba nayo esuka esandleni sam: Niza kulala phantsi nisifa ziintlungu.

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “yokomeleza.”
Ngokoqobo, “ngelizwi.”
Okanye “ulwimi oluqeqeshwe kakuhle.”
Okanye “bazixhwithe iindevu.”
Okanye “onokulwa nam.”
Okanye “sizokuqubisana.”
Oko kukuthi, isinambuzane esitya impahla.
Okanye “athembele.”