Isaya 32:1-20
32 Jongani! Kukho ukumkani+ oza kulawula ngobulungisa,+Neenkosana eziza kulawula ngokusesikweni.*
2 Ngamnye uza kuba njengekhusi emoyeni,Indawo yokuzifihla kwisiphango,Njengemisinga yamanzi kwilizwe elomileyo,+Njengomthunzi weliwakazi kwilizwe elomileyo.
3 Namehlo abantu ababonayo awasazukuvalwa,Neendlebe zabantu abevayo ziza kumamelisisa.
4 Intliziyo yabantu abalambele ulwazi iza kuluphanda,Nolwimi lwabathintithayo luthethe kakuhle nangokucacileyo.+
5 Akusayi kuthiwa isiyatha ngumntu onesidima,Kungasayi kuthiwa indoda elimenemene ihloniphekile;
6 Kuba umntu ongenangqiqo uza kuthetha ukusa,Intliziyo yakhe iza kucinga ububi,+Ukuze akhuthaze uwexuko, ethetha izinto ezitenxileyo ngoYehova,Emhambisa engatyanga olambileyo,Emvimba into yokusela onxaniweyo.
7 Imenemene linamacebo amabi;+Likhuthaza izinto ezibangela iintloni,Ukuze lilenzakalise ngobuxoki ihlwempu,+Enoba lingathetha into elungileyo.
8 Kodwa umntu onesidima wenza izinto ezinesidima,Usoloko esenza imisebenzi enesidima.
9 “Bafazindini bazithembileyo, vukani, nimamele ilizwi lam!
Zintombindini zingakhathaliyo,+ yivuleleni indlebe into endiyithethayo!
10 Kancinci nje emva konyaka, nina ningakhathaliyo niza koyika,Kuba liza kuphela ixesha lokuvuna iidiliya ningaqokelelanga kwasiqhamo.+
11 Ngcangcazelani bafazindini bazithembileyo!
Yoyikani nina bangakhathaliyo!
Khululani nibe ze,Nibhinqe amalaphu okwenza iingxowa.+
12 Zibetheni izifuba, nenze isijwiliNgenxa yento eyenzeke kumasimi aqhamileyo neentsimi zeediliya.
13 Kuba umhlaba wabantu bam uza kugcwala ameva namakhakakhaka;Zonke izindlu ekwakuvuywa kuzo ziza kuhluma ameva,Ngokuqinisekileyo aza kuhluma kwisixeko sokonwaba.+
14 Kuba inqaba yokuhlala ishiyiwe;Isixeko esinengxolo silahliwe.+
IOfeli+ nenqaba yoonogada ziye zayintlango ngokupheleleyo,Indawo ethandwa ziidonki zasendle,Idlelo lemihlambi,+
15 De uThixo athulule umoya wakhe phezu kwethu,+Nentlango ibe njengentsimi yeziqhamo,Nentsimi yeziqhamo ibonwe njengehlathi.+
16 Ngelo xesha, okusesikweni kuza* kuba ngumhlali wasentlango,Nobulungisa buza kuba ngummi kwintsimi yeziqhamo.+
17 Ubulungisa bokwenene buza kubonakala ngokubakho koxolo,+Nesiqhamo sobulungisa bokwenene sibe kukuzola nokukhuseleka.+
18 Abantu bam baza kuhlala kwindawo enoxolo,Kwiindawo ezikhuselekileyo neendawo zokuphumla ezizolileyo.+
19 Kodwa isichotho siza kulithi waca ihlathi,Nesixeko sivuthuluke kuthi tu.
20 Niyavuya nina nityala imbewu kufutshane nazo zonke iindawo ezinamanzi,Nina bayikhululayo* inkunzi yenkomo nedonki.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ngobulungisa.”
^ Okanye “ubulungisa buza.”
^ Okanye “bayiyeka ihambe.”