Isaya 31:1-9
31 Baza kuthi shu abo bayokukhalela uncedo eYiputa,+Abathembela ngamahashe,+Abo bathembela ngeenqwelo zokulwa ngenxa yobuninzi bazo,Nangamahashe emfazwe,* ngenxa yamandla awo,
Kodwa bengakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli,Bengabalekelanga kuYehova.
2 Kodwa yena usisilumko, yaye uza kubazisela intlekele,Akazukulitshintsha ilizwi lakhe.
Uza kulwa nendlu yabenzi-bubiKunye nabo babancedisayo.+
3 Ke wona amaYiputa ngabantu nje, awangoThixo;Amahashe awo ngawenyama, awangawomoya.+
Xa uYehova esolula isandla sakheNabani na owancedayo uza kuwa;Bonke baza kuwa ngaxeshanye.
4 Kuba uYehova uthe kum:
“Kanye njengokuba ingonyama ibhavumela ixhoba, ingonyama enamandla,*Xa iqela labalusi lidibene ukuze lilwe nayo,Yaye ingawoyiki amazwi aboIngothuswa nayingxolo yabo,Ngendlela efanayo, uYehova wemikhosi uza kuhla, alwe imfazweNgenxa yeNtaba YeZiyon nangenxa yenduli yayo.
5 Njengentaka eyehla ngesantya, uYehova wemikhosi uza kuyikhusela iYerusalem.+
Uza kuyikhusela, aze ayisindise.
Uza kuyinceda, aze ayisindise.”
6 “Nina maSirayeli, buyelani kuLowo niye anamthobela, namdelela.+
7 Kuba ngaloo mini, ngamnye uza kulahla oothixo bakhe besilivere abangento yanto, noothixo bakhe begolide abangenaxabiso, enandona ngokuzenzela bona ngezandla zenu.
8 Kwaye iza kuwa iAsiriya likrele, ikrele elingelolamntu;Ikrele elingelolamntu, liza kuyitshabalalisa.+
Kwaye iza kubalekiswa likrele,Nabafana bayo baza kukhotyokiswa.
9 Iliwa layo liza kubaleka ngenxa yokothuka,Neenkosana zayo ziza koyika ngenxa yepali eluphawu,” utsho uYehova,Okukhanya kwakhe kuseZiyon* noziko lakhe liseYerusalem.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Kubakhweli bamahashe.”
^ Okanye “ingonyama entsha enesingci.”
^ Okanye “Omlilo wakhe useZiyon.”