Isaya 31:1-9

  • Uncedo lokwenene luvela kuThixo, hayi ebantwini (1-9)

    • Amahashe aseYiputa ngawenyama (3)

31  Baza kuthi shu abo bayokukhalela uncedo eYiputa,+Abathembela ngamahashe,+Abo bathembela ngeenqwelo zokulwa ngenxa yobuninzi bazo,Nangamahashe emfazwe,* ngenxa yamandla awo, Kodwa bengakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli,Bengabalekelanga kuYehova.   Kodwa yena usisilumko, yaye uza kubazisela intlekele,Akazukulitshintsha ilizwi ­lakhe. Uza kulwa nendlu yabenzi-bubiKunye nabo babancedisayo.+   Ke wona amaYiputa ngabantu nje, awangoThixo;Amahashe awo ngawenyama, awangawomoya.+ Xa uYehova esolula isandla sakheNabani na owancedayo uza kuwa;Bonke baza kuwa ngaxeshanye.   Kuba uYehova uthe kum: “Kanye njengokuba ingonyama ibhavumela ixhoba, ingonyama enamandla,*Xa iqela labalusi lidibene ukuze lilwe nayo,Yaye ingawoyiki amazwi aboIngothuswa nayingxolo yabo,Ngendlela efanayo, uYehova wemikhosi uza kuhla, alwe imfazweNgenxa yeNtaba YeZiyon nangenxa yenduli yayo.   Njengentaka eyehla ngesantya, uYehova wemikhosi uza kuyikhusela iYerusalem.+ Uza kuyikhusela, aze ayisindise. Uza kuyinceda, aze ayisindise.”  “Nina maSirayeli, buyelani kuLowo niye anamthobela, namdelela.+  Kuba ngaloo mini, ngamnye uza kulahla oothixo bakhe besilivere abangento yanto, noothixo bakhe begolide abangenaxabiso, enandona ngokuzenzela bona ngezandla zenu.   Kwaye iza kuwa iAsiriya likrele, ikrele elingelolamntu;Ikrele elingelolamntu, liza kuyitshabalalisa.+ Kwaye iza kubalekiswa likrele,Nabafana bayo baza kukhotyokiswa.   Iliwa layo liza kubaleka ngenxa yokothuka,Neenkosana zayo ziza koyika ngenxa yepali eluphawu,” utsho uYehova,Okukhanya kwakhe kuseZiyon* noziko lakhe liseYerusalem.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Kubakhweli bamahashe.”
Okanye “ingonyama entsha enesingci.”
Okanye “Omlilo wakhe useZiyon.”