Isaya 20:1-6
-
Ukugwetywa kweYiputa neTiyopiya (1-6)
20 Ngonyaka uKumkani uSargon waseAsiriya awathumela ngawo umphathi-mkhosi* eAshdode,+ umphathi-mkhosi walwa neAshdode, wayithimba.+
2 Ngelo xesha, uYehova wathetha ngoIsaya+ unyana ka-Amotsi esithi: “Khulula ilaphu lokwenza ingxowa elisesinqeni sakho, ukhulule neembadada.” Wenjenjalo, waza wahamba-hamba eze,* enganxibanga nto nasezinyaweni.
3 Emva koko uYehova wathi: “Kanye njengokuba umkhonzi wam uIsaya eye wahamba-hamba eze, kwaye enganxibanga nto ezinyaweni iminyaka emithathu, nto leyo eluphawu+ nesilumkiso sento eza kwehlela iYiputa+ neTiyopiya,+
4 ukumkani waseAsiriya uza kukhokela amabanjwa aseYiputa+ nabathinjwa baseTiyopiya, amakhwenkwe namadoda amadala, behamba ze, benganxibanga nto ezinyaweni, behamba ngeempundu, ubuze beYiputa.*
5 Baza kutyhwatyhwa baze babe neentloni ngeTiyopiya ebebethembele kuyo, nangeYiputa ibhongo labo.
6 Abahlali beli lizwe ligudle unxweme baza kuthi ngaloo mini, ‘Jongani ithemba lethu, esabalekela kulo ukuze sisindiswe kukumkani waseAsiriya! Siza kusinda njani ke ngoku thina?’”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “iTartan ukuba ilwe.”
^ Okanye “enxibe nje impahlana.”
^ Okanye “nto leyo eziintloni kwiYiputa.”