INtshumayeli 8:1-17
8 Ngubani onjengesilumko? Ngubani okwaziyo ukulungisa iingxaki?* Ubulumko bendoda buqaqambisa ubuso bayo buze benze nobuso bayo obuntshingintshingi buswabuluke.
2 Ndithi: “Thobela umyalelo kakumkani,+ kuba wena wenze isifungo kuThixo.+
3 Sukukhawuleza umke phambi kukakumkani.+ Ungameli nantoni na embi;+ kuba angenza nantoni na athanda ukuyenza,
4 kaloku ilizwi likakumkani aliphikiswa;+ ngubani ke onokuthi kuye, ‘Yintoni le uyenzayo?’”
5 Umntu othobela umyalelo akazukwenzakala,+ yaye intliziyo elumkileyo iza kulazi ixesha nendlela efanelekileyo.*+
6 Kaloku yonke into ibekelwe ixesha layo nendlela yayo efanelekileyo,*+ kuba abantu baneengxaki ezininzi.
7 Ekubeni kungekho mntu waziyo ukuba kuza kwenzeka ntoni, ngubani onokumchazela into eza kwenzeka?
8 Kanye njengokuba kungekho mntu ukwaziyo ukuwulawula okanye ukuwunqanda umoya,* akukho mntu ukwaziyo ukuwulawula umhla wokufa.+ Kanye njengokuba kungekho mntu unokuyekwa ahambe kusaliwa imfazwe, nobubi abunakumyeka aphuncule umntu ozifica ngabo.*
9 Yonke le nto ndiyibonile, ndaza ndanikela intliziyo yam kwinto yonke eyenziwa phantsi kwelanga; ngalo lonke ixesha umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.*+
10 Ndabona nabenzi-bubi bengcwatywa, abo babengena bephuma endaweni engcwele, kodwa babekhawuleza balityalwe kwisixeko abenze kuso izinto ezimbi.+ Kwanayo leyo ililize.
11 Ngenxa yokuba isigwebo sento embi singawiswanga ngokukhawuleza,+ intliziyo yomntu iba nesibindi sokwenza izinto ezimbi.+
12 Nangona umoni esenokwenza izinto ezimbi kalikhulu aze aqhubeke ephila ixesha elide, ndiyazi ukuba ziya kubalungela izinto abo bamoyikayo uThixo wokwenene, kuba bemoyika.+
13 Kodwa ekugqibeleni, azizukumhambela kakuhle izinto umenzi-bubi,+ engazi kuyolula nemihla yakhe enjengesithunzi,+ kuba akamoyiki uThixo.
14 Kukho into elilize eyenzekayo emhlabeni: Kukho amalungisa aphathwa ngathi enze izinto ezimbi,+ kubekho nabenzi-bubi abaphathwa ngathi bangamalungisa.+ Mna ndithi kwanale ililize.
15 Ngoko ke ndathi kubhetele ukonwaba,+ kuba akukho nto imlungele ngakumbi umntu phantsi kwelanga kunokuba atye, asele, aze onwabe; umele enze ngolu hlobo njengokuba esebenza nzima ngemihla yokuphila kwakhe+ ayinikwe nguThixo wokwenene phantsi kwelanga.
16 Ndazimisela entliziyweni yam ukufumana ubulumko nokubona izinto ezenzeka emhlabeni,+ ndide ndingabuboni nobuthongo imini nobusuku.*
17 Ndaza ndacingisisa ngawo wonke umsebenzi kaThixo wokwenene, ndabona ukuba abantu abanakuze baziqonde kakuhle izinto ezenzeka phantsi kwelanga.+ Kungakhathaliseki ukuba bazama kangakanani na, abakwazi kuziqonda. Nokuba bangathi bazizilumko ngokwaneleyo ukuba baziqonde, abanakukwazi ukuziqonda kakuhle.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “okwaziyo ukutolikwa kwento.”
^ Okanye “nesigwebo esifanelekileyo.”
^ Okanye “nesigwebo sayo esifanelekileyo.”
^ Okanye “impefumlo.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “ububi babo abunakubasindisa abenzi-bubi.”
^ Okanye “kukulimala; kukonakalelwa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “ndabona ukuba abantu abalali nokuba kusemini okanye kusebusuku.”