INtshumayeli 12:1-14

  • Mkhumbule uMdali wakho ungekoluphali (1-8)

  • Umhlanganisi uyaqukumbela (9-14)

    • Amazwi obulumko anjengeemviko (11)

    • Yoyika uThixo wokwenene (13)

12  Mkhumbule uMdali wakho Ozukileyo ngemihla yobutsha bakho,+ ngaphambi kokuba ifike imihla yeenkathazo,*+ neminyaka oya kuthi ngayo: “Ayimnandanga”;  ngaphambi kokuba ilanga nokukhanya nenyanga neenkwenkwezi zibe mnyama,+ namafu abuye emva kwezantyalantyala* zemvula;  mhla lowo abaya kungcangcazela ngawo oonogada* bendlu, agobe amadoda omeleleyo, nabafazi bayeke ukusila kuba bembalwa, kube mnyama nakumanenekazi ajonge ngeefestile;+  xa ziya kube zivaliwe iingcango ­ngasesitratweni, xa isandi selitye lokuguba sivakala kancinci, xa uvuswa nasisandi esi sentaka, yaye zonke iintombi zengoma zivakala kancinci.+  Kwakhona, umntu uza kuzoyika iindawo eziphakamileyo, ankwantye nasesitratweni. Uyatyatyamba umthi wom-amangile,+ intethe iyazirhuqa, liyagqabhuka iqunube, ngoxa umntu ehamba esiya endlini yakhe ehlala ikho,+ nabo bazilileyo behamba bejikeleza isitrato;+  mkhumbule ngaphambi kokuba ishenxiswe intambo yesilivere, sikrotyozwe isitya segolide, yaphulwe ingqayi emthonjeni, likrotyozwe nevili lamanzi equleni.  Ngoko uthuli lubuyela emhlabeni,+ apho lwaluvela khona, nomoya ubuyele* kuThixo wokwenene, njengoko wawuvela kuye.+  “Elona lize!” utsho umhlanganisi.+ “Yonke into ililize.”+  Umhlanganisi akazange aphelele nje ekubeni sisilumko, kodwa waqhubeka efundisa abantu izinto azaziyo,+ ibe wacingisisa waza waphandisisa ukuze aqokelele* imizekeliso emininzi.+ 10  Umhlanganisi wakhangela amazwi obuciko,+ wabhala amazwi achanileyo enyaniso. 11  Amazwi ezilumko anjengeemviko,+ yaye ingqokelela yamazwi obulumko injengezikhonkwane ezibethelelwe zatshona; amazwi azo avela kumalusi omnye. 12  Ngaphezu koko, nyana wam, lumka: Ukwenza iincwadi ezininzi akupheli, yaye ukuzinikela kakhulu kuzo kudinisa inyama.+ 13  Emva kwayo yonke le nto, ndingashwankathela ngokuthi: Yoyika uThixo wokwenene+ uze uthobele imiyalelo yakhe,+ kuba le yeyona nto ifunekayo emntwini.+ 14  Kuba uThixo wokwenene uza kusiphendulisa ngayo yonke into esiyenzayo, naleyo ifihlakeleyo, nokuba ilungile okanye imbi.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “yentlekele.”
Okanye “eze nezantyalantyala.”
Okanye “abagcini.”
Okanye “namandla obomi abuyele.”
Okanye “alungelelanise.”