IiNdumiso 82:1-8
Ingoma emnandi ka-Asafu.+
82 UThixo uma kwibandla elingcwele;*+Ugweba phakathi koothixo,* esithi:+
2 “Kuza kude kube nini na ningagwebi ngobulungisa,+Niqhubeka nixhasa abenzi-bubi?+ (Selah)
3 Bathetheleleni* abo bangenanto nabangenatata.+
Baphatheni ngobulungisa abo bangenakuzinceda nabangenanto.+
4 Basindiseni abo bangenanto nabangamahlwempu;Basindiseni esandleni sabenzi-bubi.”
5 Abazi, yaye abaqondi;+Bafathula ebumnyameni;Zonke iziseko zomhlaba ziyashukunyiswa.+
6 “Mna ke ndithe, ‘Ningoothixo,*+Nonke ningoonyana bOyena Uphakamileyo.
7 Kodwa niza kufa njengamntu wonke,+Niwe njengazo zonke ezinye iinkosana!’”+
8 Phakama Thixo, ugwebe umhlaba,+Kuba zezakho zonke iintlanga.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kwibandla likaThixo.”
^ Okanye “kwabanjengoThixo.”
^ Okanye “Bagwebeni.”
^ Okanye “ninjengoThixo.”