IiNdumiso 81:1-16

  • Kukhuthazwa abantu ukuba bathobele

    • Sanukukhonza izithixo zasemzini (9)

    • ‘Akwaba beninokumamela’ (13)

Kumalathisi; mayidlalwe ngeGititi.* Eka-Asafu.+ 81  Khwazani ngovuyo kuThixo ongamandla ethu.+ Khwazani ngoloyiso oluvela kuThixo kaYakobi.   Hlabelani ingoma nize nithathe igubu,Nidlale ingoma emnandi ngohadi nomrhubhe.   Vuthelani uphondo ekuthwaseni kwenyanga,+Naxa inyanga iphelele, ngemini yetheko lethu.+   Kaloku lowo ngummiselo kaSirayeli,Ngumthetho owamiselwa nguThixo kaYakobi.+   Wawenza wasisikhumbuzo kuYosefu+Mhla wahlasela ilizwe laseYiputa.+ Ndeva ilizwi endingalaziyo* lisithi:   “Ndawothula umthwalo emagxeni abo;+Ndaziphumza izandla zabo ekuphatheni iibhaskithi.   Nandikhalela nisentlungwini, ndanisindisa;+Ndaniphendula ndikwilifu elineendudumo.*+ Ndanivavanya emanzini aseMeribha.*+ (Selah)   Mamelani, bantu bam, ndiza kunilumkisa. Owu Sirayeli, akwaba ubunokundimamela.+   Phakathi kwakho, akuzukubakho thixo wasemzini,Ibe awuzukuqubuda komnye uthixo.+ 10  Mna, Yehova, ndinguThixo wakho,Owakukhupha kwilizwe laseYiputa.+ Khamisa, ndize ndikutyise uhluthe.+ 11  Kodwa abantu bam abazange balimamele ilizwi lam;USirayeli akazange andithobele.+ 12  Ngoko ndabayekela kwezo nkani zabo;Benza ukuthanda kwabo.*+ 13  Akwaba abantu bam bebenokundimamela,+Akwaba uSirayeli ebenokuhamba ezindleleni zam!+ 14  Bendiza kuzithi qwaka-qwaka iintshaba zakhe;Bendiza kubabhuqa abo bamhlaselayo.+ 15  Baza koyika phambi kukaYehova abo bamcaphukelayo,Ibe intlekele yabo iza* kuhlala ngonaphakade. 16  Kodwa nina* uza kunondla ngengqolowa yodidi,*+Nibutye nanele ubusi obuseliweni.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ulwimi endingalwaziyo.”
Ethetha ukuthi “Ukuxabana.”
Ngokoqobo, “ndikwindawo efihlakeleyo yendudumo.”
Ngokoqobo, “Bahamba ngabayibonayo.”
Ngokoqobo, “ixesha labo liza.”
Oko kukuthi, abantu bakaThixo.
Ngokoqobo, “ngamanqatha engqolowa.”