IiNdumiso 74:1-23

  • Umthandazo wokucela uThixo akhumbule abantu bakhe

    • Kukhunjulwa ukusindisa kukaThixo (12-17)

    • ‘Khumbula ukunyevula kotshaba’ (18)

IMaskili.* Eka-Asafu.+ 74  Owu Thixo, kutheni usilahle ngonaphakade?+ Kutheni uvutha* umsindo wakho emhlambini wedlelo lakho?+   Bakhumbule abantu owabafumana* kudala,+Isizwe owasikhulula saba lilifa lakho.+ Yikhumbule iNtaba YeZiyon owawuhlala kuyo.+   Hamba uye kwiindawo ezitshabalele ngokupheleleyo.+ Utshaba lutshabalalise yonke into endaweni engcwele.+   Iintshaba zakho zagquma phakathi endaweni yakho yokuhlangana,+ Zaxhoma iiflegi zazo apho.   Zazifana namadoda agawula ihlathi elishinyeneyo.   Zayophula ngamazembe nangeentsimbi yonke imihombiso ekuyo.+   Zayitshisa indawo yakho engcwele.+ Zayingcolisa, zayidiliza intente engcwele enegama lakho.   Zona nenzala yazo zithe ezintliziyweni zazo: “Zonke iindawo zikaThixo ekudityanwa kuzo* zimele zitshiswe elizweni.”   Akukho ziflegi sizibonayo thina;Akusekho nomprofeti lo,Ibe akukho namnye kuthi owaziyo ukuba koda kube nini na. 10  Luya kukunxwala de kube nini na utshaba Thixo?+ Ngaba utshaba luza kulidelela ngonaphakade igama lakho?+ 11  Kutheni usifihlile isandla sakho, isandla sakho sasekunene?+ Sikhuphe esifubeni sakho uze uzitshabalalise. 12  Kodwa uThixo ebenguKumkani kwakudala,Lowo usindisayo emhlabeni.+ 13  Wena uluzamazamise ngamandla akho ulwandle;+Uziqhekezile iintloko zezilo ezikhulu zaselwandle. 14  Uzihlekezile iintloko zeLeviyatan;*Uyinike abantu ukuba bayitye, abo bahleli entlango. 15  Wena wakhupha amanzi emithonjeni nasemifuleni;+Womisa imilambo engatshiyo.+ 16  Yeyakho imini nobusuku. Nguwe owenza ukukhanya kwanelanga.+ 17  Wamisela yonke imida yomhlaba;+Wenza ihlobo nobusika.+ 18  Khumbula indlela olukunyevulele ngayo utshaba Yehova,Nendlela abantu abazizidenge abalidelele ngayo igama lakho.+ 19  Sukubunikela erhamncweni ubomi behobe lasendle. Ungabulibali ngonaphakade ubomi babantu bakho abasentlungwini. 20  Sikhumbule isivumelwano sakho,Kuba iindawo ezimnyama zomhlaba zigcwele inkohlakalo. 21  Makangadani lowo utyunyuziweyo;+Mabalidumise igama lakho abo bangathathi ntweni nabahlwempuzekileyo.+ 22  Khawuphakame Thixo, uzithethelele. Khumbula indlela izidenge ezikunxwale ngayo imini yonke.+ 23  Ungazilibali izinto ezithethwa ziintshaba zakho. Ingxolo yabo bakudelelayo iqhubeka inyukela phezulu.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “uqhuma.”
Ngokoqobo, “ibandla owalifumana.”
Okanye “Zonke iindawo akhonzelwa kuzo uThixo.”