IiNdumiso 63:1-11
Ingoma emnandi kaDavide, xa wayekwintlango yakwaYuda.+
63 Owu Thixo, unguThixo wam, ndihlala ndikukhangela.+
Ndikunxanelwe.+
Ndityhafile ngenxa yokufuna wenaEmhlabeni owomileyo, ekungekho manzi kuwo.+
2 Ngoko ndiye ndajonga kuwe endaweni engcwele;Ndiwabonile amandla akho nozuko lwakho.+
3 Imilebe yam iza kukuzukisa,+Kuba uthando lwakho olungagungqiyo lulunge ngaphezu kobomi.+
4 Ngaloo ndlela ndiza kukudumisa ubomi bam bonke;Ndiza kuphakamisa izandla zam egameni lakho.
5 Ndanelisekile kuba ndifumene esona sabelo sihle nesityebileyo,*Ngoko umlomo wam uza kukudumisa, ize imilebe yam ikuculele.+
6 Ndikukhumbula ndisebhedini yam;Ndicinga ngawe ezinzulwini zobusuku.+
7 Kuba ungumncedi wam,+Ibe ndikhwaza ndivuya ndisethunzini lamaphiko akho.+
8 Ndibambelela kuwe;Isandla sakho sasekunene sihlala sindibambe nkqi.+
9 Kodwa abo bafuna ukunditshabalalisaBaza kwehlela kwezona ndawo zisezantsi zomhlaba.
10 Baza kunikelwa emandleni ekrele;Baza kuba kukutya koodyakalashe.*
11 Ukumkani uza kuvuya ngenxa kaThixo.
Wonke umntu ofunga ngoThixo uza kuvuya,*Kuba umlomo wabo bathetha ubuxoki uza kuvalwa.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “amafutha namanqatha.”
^ Okanye “kweempungutye.”
^ Okanye “uza kuqhayisa.”