IiNdumiso 59:1-17

  • UThixo ulikhaka nendawo yokubalekela

    • “Sukuzisizela izikhohlakali” (5)

    • “Ndiza kucula ngamandla akho” (16)

Kumalathisi; mayidlalwe ngethi “Sukonakalisa.” EkaDavide. IMiktam.* Xa uSawule wathumela amadoda ukuba ayokugada indlu kaDavide* ukuze ambulale.+ 59  Ndisindise kwiintshaba zam, owu yhini Thixo wam;+Ndikhusele kwabo balwa nam.+   Ndisindise kwabo bakhohlakeleyo;Ndisindise kwiindlobongela zamadoda.*   Jonga! Bandilalele;+Ndihlaselwa zizigantsontso zamadodaNdingakhange ndiwajikele okanye ndone,+ Yehova.   Nangona ndingenzanga nto, balungiselela ukundihlasela. Ndicela uvuke xa ndikubiza, ubone.   Kuba wena Yehova Thixo wemikhosi, unguThixo kaSirayeli.+ Vuka uze uzihoye zonke ezi ntlanga. Sukuzisizela izikhohlakali ezindijikeleyo.+ (Selah)   Babuya yonke le mihla ngokuhlwa;+Bagragrama* okwezinja,+ bengqunga esixekweni.+   Jonga into ephuma* emilonyeni yabo;Imilebe yabo ifana namakrele,+Kuba bathi: “Ngubani omameleyo?”+   Kodwa wena Yehova, uza kubahleka;+Uza kuzenza intlekisa zonke iintlanga.+   Owu Mandla am, ndiza kukulinda;+Kuba uThixo yindawo yam yokubalekela ekhuselekileyo.*+ 10  UThixo ondithanda ngokungagungqiyo uza kundinceda;+UThixo uza kundenza ndizoyise iintshaba zam.+ 11  Ndicela ungababulali, ukuze abantu bam bangayilibali le nto. Ngamandla akho benze babhadule;Owu yhini Yehova, bawise khaka lethu.+ 12  Ngenxa yesono semilomo yabo, ilizwi lemilebe yabo,Mabarhintyelwe likratshi labo,+Ngenxa yokuqalekisa nokuthetha kwabo izinto eziqhathayo. 13  Batshayele ngomsindo;+Bagqibe, baphele tu;Bazise ukuba nguThixo olawula kwaYakobi nakwezona ndawo zikude emhlabeni.+ (Selah) 14  Mababuye ngokuhlwa;Mabagragrame* okwezinja, bangqunge esixekweni.+ 15  Mababhadule bekhangela ukutya;+Ungabavumeli bahluthe okanye bafumane indawo yokulala. 16  Kodwa mna, ndiza kucula ngamandla akho;+Ndiza kubalisa kwakusasa ngothando lwakho olungagungqiyo ndivuya. Kuba uyindawo yam yokuzimela ekhuselekileyo+Nendawo yam yokubalekela xa ndisengxakini.+ 17  Owu Mandla am, ndiza kukudumisa ngengoma,*+Kuba uThixo uyindawo yam ekhuselekileyo yokubalekela, uThixo ondithanda ngokungagungqiyo.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “indlu.”
Okanye “kumadoda anxanelwe igazi.”
Okanye “Bakhonkotha.”
Okanye “ephuphuma.”
Okanye “ephakamileyo nekhuselekileyo.”
Okanye “Mabakhonkothe.”
Okanye “kukuqambela ingoma.”