IiNdumiso 50:1-23

  • UThixo ugweba phakathi kwabathembekileyo nabenzi-bubi

    • Ababingelelayo besenza isivumelwano sikaThixo (5)

    • “NguThixo ngokwakhe uMgwebi” (6)

    • Zonke izilwanyana zezikaThixo (10, 11)

    • UThixo ubhenca abenzi-bubi (16-21)

Ingoma emnandi ka-Asafu.+ 50  UThixo woothixo, uYehova,*+ uthethile;Ubiza umhlabaUkusuka empumalanga ukuya entshonalanga.   UThixo ubengezela ephuma eZiyon, indawo egqwesileyo ngobuhle.+   UThixo wethu uza kuza, ibe akazukuhlala ethule.+Kukho umlilo odlayo phambi kwakhe,+Ibe ujikelezwe sisivuthu-vuthu sesaqhwithi esikhulu.+   Ubiza amazulu nomhlaba,+Ukuze agwebe abantu bakhe:+   “Baqokelele beze kum abo bathembekileyo,Abo babingelelayo besenza isivumelwano nam.”+   Amazulu axela ubulungisa bakhe,Kuba nguThixo ngokwakhe uMgwebi.+ (Selah)   “Khanimamele kaloku bantu bam, ndithethe;Sirayeli, ndiza kuveza ubungqina ngawe.+ NdinguThixo, uThixo wakho.+   Andikululeki ngenxa yemibingelelo yakho,Ndingakululeki nangale minikelo yakho etshiswa ngokupheleleyo, ihlala iphambi kwam.+   Andidingi kuthatha nkunzi yankomo endlini yakho,Ndingadingi nazibhokhwe* zabuhlanti bakho.+ 10  Kuba zonke izilwanyana zasendle ezisehlathini zezam,+Nditsho namarhamncwa akwiintaba eziliwaka. 11  Ndizazi zonke iintaka zasezintabeni;+Yonke le nqwaba yezilwanyana zasendle yeyam. 12  Ukuba bendilambile, bendingazukutsho kuwe,Kuba umhlaba ngowam, nento yonke ekuwo yeyam.+ 13  Ndimele nditye inyama yeenkunzi zeenkomo na mna,Ndisele negazi leebhokhwe?+ 14  Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,+Ibe umele uzifezekise izithembiso zakho kOyena Uphakamileyo;+ 15  Ndibize ngemini yobunzima.+ Ndiza kukusindisa, uze wena undizukise.”+ 16  Kodwa uThixo uza kuthi kulowo ungalunganga: “Ngubani othe ungathetha ngemithetho yam+Nothe ungathetha ngesivumelwano sam?+ 17  Kaloku wena awukufuni nokukubona ukuqeqeshwa,*Uhlala uwanikela umva* amazwi am.+ 18  Xa ubona isela, uyalivuyela,*+Ibe uhlala nabantu abakrexezayo.* 19  Uthetha izinto ezimbi ngomlomo wakho,Inkohliso ithe nca elulwimini lwakho.+ 20  Uhleli nje uthetha kakubi ngomntakwenu;+Udiza iingxaki anazo unyana* kamama wakho. 21  Ndathula ndathi tu xa wawusenza ezi zinto,Wena wawucinga ukuba ndiza kufana nawe. Kodwa ngoku ndiza kukululeka,Ibe ndiza kukumangalela.+ 22  Khanicinge ngale nto ke nina balibala uThixo,+Ukuze ndinganidlakazi ningenamsindisi. 23  Ngulowo ubingelela ngokubulela ondizukisayo,+Yena umntu olandela indlela ebekiweyo,Ndiza kumenza abone ukuba kunjani ukusindiswa nguThixo.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Lowo unguThixo, uYehova.”
Ngokoqobo, “nazinkunzi zabhokhwe.”
Okanye “ukuyalelwa.”
Ngokoqobo, “uwaphosa emva kwakho.”
Oko kukuthi, abantu abalala nabantu abangatshatanga nabo.
Okanye kusenokwenzeka, “uyalincedisa.”
Okanye “Ungcolisa igama lonyana.”