IiNdumiso 41:1-13
Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide.
41 Wonwabile nabani na olicingelayo ihlwempu;+UYehova uza kumsindisa ngemini yentlekele.
2 UYehova uza kumkhusela, aze ahlale ephila.
Kuza kuthiwa wonwabile emhlabeni;+Soze uvumele iintshaba zakhe zenze unothanda* kuye.+
3 UYehova uza kumxhasa xa egula esebhedini;+Ngokuqinisekileyo uza kumonga xa egula.
4 Kuba ndathi: “Owu yhini Yehova, ndenzele inceba.+
Ndiphilise,+ kuba ndikonile.”+
5 Kodwa iintshaba zam zindikhohlakalele, zithi:
“Uza kufa nini na lo, acinywe igama?”
6 Xa eze kundibona omnye wazo, intliziyo yakhe ithetha ubuxoki.
Uqokelela ulwimi aza kuluthetha,Aze ahambe elusasaza.
7 Bayandihleba bonke abandenyanyayo;Bandicebela iyelenqe, besithi:
8 “Wehlelwe yinto embi;Ewile nje, akazukuphinda avuke.”+
9 Nkqu nendoda ebendihleli ngoxolo nayo, ebendiyithembile,+Ebisitya isonka sam, indiphakamisele isithende.*+
10 Kodwa ndicela wena Yehova undenzele inceba, undiphakamise,Ukuze ndiziphindezele.
11 Ndiza kwazi ngale nto ukuba uyandithanda:
Xa utshaba lwam lungakwazi ukukhwaza luvuyela ukundoyisa.+
12 Mna undiphakamisile ngenxa yokungasoleki kwam;+Uza kundigcina phambi kwakho ngonaphakade.+
13 Makadunyiswe uYehova uThixo kaSirayeli,Makadunyiswe ngonaphakade.+
Amen, Amen.