IiNdumiso 2:1-12

  • UYehova nomntu wakhe amkhethileyo

    • UYehova uyazihleka iintlanga (4)

    • UYehova ubeka ukumkani wakhe (6)

    • Mhlonipheni unyana (12)

2  Kutheni iintlanga zinoqhushululuNezizwana zisebeza* into engekhoyo?+   Ookumkani bomhlaba bayemaNamagosa aphakamileyo aye amanyana*+Ukuze alwe noYehova nomthanjiswa* wakhe.+   Bathi: “Masiwaqhawule amatsheyini aboSizilahle kude iintambo zabo!”   Lowo usetroneni emazulwini uza kuhleka;UYehova uza kubenza intlekisa.   Ngelo xesha uza kuthetha nabo ecaphukileAze aboyikise enomsindo,   Esithi: “Mna, ndimbekile owam ukumkani+EZiyon,+ intaba yam engcwele.”   Mandichaze into ethethwe* nguYehova;Uthe kum: “Ungunyana wam;+Namhlanje ndiye ndaba ngutata wakho.+   Cela kum, ibe ndiza kukunika iintlanga zibe lilifa lakhoNezona ndawo zikude zomhlaba zibe zezakho.+   Uza kuziqhekeza ngentonga yobukhosi yentsimbi,+Uza kuziqhekeza zibe ziingceba okwesitya sodongwe.”+ 10  Ngoku ke, nina bokumkani, sebenzisani ingqondo;Vumani nilungiswe,* nina bagwebi bomhlaba. 11  Mkhonzeni uYehova nisoyika,Nivuye ningcangcazela. 12  Mhlonipheni* unyana,+ okanye uThixo uza kucaphukaNize nitshabalale,+Kuba umsindo wakhe uyakhawuleza. Bonwabile bonke ababalekela kuye.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “zicinga.”
Okanye “agqugula.”
Okanye “noKristu.”
Ngokoqobo, “umthetho.”
Okanye “Lumkani.”
Ngokoqobo, “Mphuzeni.”