IiNdumiso 11:1-7
Kumalathisi. EkaDavide.
11 Ndibalekele kuYehova.+
Ngoko ningathini ukuthi kum:
“Balekelani entabeni yenu njengentaka!
2 Khawujonge indlela abenzi-bubi abasigoba ngayo isaphetha;Babeka utolo lwabo kumtya wesaphetha,Ukuze babatole ebumnyameni abo baneentliziyo ezilungileyo.
3 Xa iziseko* zichithwa,Angenza ntoni olilungisa?”
4 UYehova usetempileni yakhe engcwele.+
Itrone kaYehova isemazulwini.+
Amehlo akhe ajongile, amehlo akhe aqaqambileyo athe ntsho koonyana babantu.+
5 UYehova uhlolisisa ilungisa nomenzi-bubi;+Uyamcaphukela nabani na othanda ubundlobongela.+
6 Uza kubabekela izabatha* abenzi-bubi,Ayigcwalise ngomlilo nesalfure+ nangomoya otshisayo indebe yabo.
7 Kuba uYehova ulilungisa;+ uyabuthanda ubulungisa.+
Abalungileyo baza kububona ubuso bakhe.*+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “iziseko zobulungisa.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “amalahle avuthayo.”
^ Okanye “baza kuthandwa nguye.”