IMizekeliso 28:1-28

  • Umthandazo womntu ongathobeliyo uyenyanyeka (9)

  • Umntu ozivumayo izono zakhe wenzelwa inceba (13)

  • Akukho mntu ukhawuleza abe sisityebi engonanga (20)

  • Ukohlwaywa kubhetele kunokunconywa uqhathwa (23)

  • Umntu ophayo akadingi nto (27)

28  Abenzi-bubi babaleka kungekho mntu ubaleqayo,Kodwa amalungisa azithembe okwengonyama.+   Xa kusaphulwa umthetho elizweni, liza kuba nenkosana emva kwenye,+Kodwa indoda enengqondo nenolwazi iza kuyinceda inkosana ilawule ixesha elide.+   Ihlwempu eliqhatha abasweleyo+Linjengemvula ekhukulisa konke ukutya.   Abo bashiya umthetho badumisa umenzi-bubi,Kodwa abo bawuthobelayo umthetho bayabacaphukela.+   Abenzi-bubi abasiqondi isigwebo sobulungisa,Kodwa abo bafuna uYehova baqonda yonke into.+   Libhetele ihlwempu elimsulwa kwiindlela zaloKunesityebi esinamaqhinga.+   Unyana oqondayo uyawugcina umthetho,Kodwa onabahlobo abangamadla-kudla uhlaza utata wakhe.+   Umntu owandisa ubutyebi bakhe ngenzala+ nengeniso yamaqhingaUqokelelela lowo uwakhathaleleyo amahlwempu.+   Umntu owalayo ukumamela umthetho,Kwenyanyeka nomthandazo lo wakhe.+ 10  Umntu owenza amalungisa ahambe ngendlela embi uza kuwela kumngxuma awumbe ngokwakhe,+Kodwa abamsulwa baza kufumana ilifa lezinto ezilungileyo.+ 11  Umntu osisityebi ulumkile kwawakhe amehlo,+Kodwa ihlwempu elisebenzisa ingqondo alinakuqhathwa nguye.+ 12  Xa amalungisa ephumelela, kubakho uzuko olukhulu,Kodwa xa abenzi-bubi besiba sezikhundleni eziphezulu, abantu bayazimela.+ 13  Umntu ozifihlayo izono zakhe akazukuphumelela,+Kodwa nabani na ozivumayo aze aziyeke uza kwenzelwa inceba.+ 14  Uyavuya umntu ohlala ethe qwa,*Kodwa oyenza lukhuni intliziyo yakhe uza kuwela kwintlekele.+ 15  Unjengengonyama ebhavumayo nebhere elihlaselayoUmlawuli ongumenzi-bubi kwisizwana esingakwazi kuzinceda.+ 16  Inkokheli engasebenzisi ngqondo ilisebenzisa kakubi igunya,+Kodwa umntu oyicaphukelayo ingeniso yamaqhinga uza kuphila ubomi obude.+ 17  Umntu osindwa lityala legazi lokubulala umntu uza kubaleka de aye kungena engcwabeni.*+ Makungabikho mntu umxhasayo. 18  Umntu ohamba ngokungenasiphoso uza kusindiswa,+Kodwa oneendlela zamaqhinga uza kuwa ngesiquphe.+ 19  Umntu owulimayo umhlaba wakhe uza kuba nesonka esininzi,Kodwa oleqeka emva kwezinto ezingenaxabiso uza kuba yimpula kaLujaca.+ 20  Umntu othembekileyo uza kufumana iintsikelelo ezininzi,+Kodwa ongxamela ukuba sisityebi akazukuhlala emsulwa.+ 21  Ukukhetha ubuso akulunganga;+Kodwa umntu usenokuyenza into embi kuba efuna iqhekeza lesonka. 22  Umntu onomona* ungxamela ukuba sisityebi,Kanti akazi ukuba uza kufikelwa bubuhlwempu. 23  Nabani na owohlwaya omnye+ uza kuthandwa emva koko+Kunalowo uncoma exoka. 24  Nabani na otsotsa utata wakhe nomama wakhe aze athi, “Ayimbanga loo nto,”+ Ngumhlobo womntu odala umonakalo.+ 25  Umntu onyolukileyo* udala ingxabano,Kodwa nabani na othembela ngoYehova uza kuphumelela.*+ 26  Nabani na othembela ngentliziyo yakhe sisidenge,+Kodwa ohamba ngobulumko uza kusinda.+ 27  Nabani na opha amahlwempu, akananto aza kuyidinga,+Kodwa umntu ongawahoyiyo, uza kuqalekiswa kakhulu. 28  Xa abenzi-bubi belawula, umntu uyazifihla,Kodwa xa betshabalala, amalungisa ayanda.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ohlala esoyika.”
Okanye “emngxunyeni.”
Okanye “onyolukileyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “ozenza bhetele.”
Ngokoqobo, “uza kutyetyiswa.”