IMizekeliso 2:1-22

  • Indlela obubaluleke ngayo ubulumko (1-22)

    • Khangela ubulumko njengobutyebi obufihliweyo (4)

    • Ukuzikisa ukucinga kuyakhusela (11)

    • Ukuziphatha kakubi kuzisa intlekele (16-19)

2  Nyana wam, ukuba wamkela amazwi amIze ibaluleke kuwe imiyalelo yam,+   Ngokubuvulela indlebe ubulumko,+Uvule nentliziyo yakho ukuze uzibone kakuhle izinto;+   Ngaphezu koko, ukuba ubize ukuqonda,+Wakukhwaza nokuqiqa,+   Ukuba uhlala ubukhangela njengesilivere,+Ubuphanda njengobutyebi obufihliweyo;+   Uza kutsho wazi ukuba kuthetha ukuthini ukoyika uYehova,+Utsho umazi uThixo.+   Kuba nguYehova onika ubulumko;+Emlonyeni wakhe kuphuma ulwazi nokuqonda.   Ubagcinela ubulumko abo balungileyo;Ulikhaka kwabo bahamba ngokuthembeka.+   Uyigadile indlela yobulungisa,Uza kuyigada nendlela yabo banamathela kuye.+   Uza kutsho ubuqonde ubulungisa, okusesikweni* nokungakhethi buso,Uyiqonde ngokupheleleyo into elungileyo.+ 10  Xa ubulumko bungena entliziyweni yakho+Nomphefumlo* wakho uluthanda ulwazi,+ 11  Ukucingisisa kuya kukwalusa,+Ukuqonda kuya kukukhusela, 12  Ukuze usinde endleleni embi,Nasemntwini othetha izinto ezijijekileyo,+ 13  Kwabo bashiya iindlela ezilungileyoUkuze bahambe ngeendlela zobumnyama,+ 14  Kwabo bavuyela ukwenza izinto ezimbi,Abonwabela imikhwa ejijekileyo, 15  Abo baneendlela ezigqwethekileyoNabangamaqhophololo kwiindlela zabo zonke. 16  Buza kukusindisa kumfazi ongakwazi kuziphatha,*Kumazwi esincwaso* omfazi oziphethe kakubi,*+ 17  Olahla umhlobo osenyongweni* wobutsha bakhe,+Aze asilibale isivumelwano awasenza noThixo wakhe; 18  Kuba indlu yakhe yehlela ekufeni,Neendlela zakhe zikhokelela kwabafileyo.+ 19  Akukho namnye obuyayo kwabo balala naye,*Bengazukuphinda bayifumane nendlela yobomi.+ 20  Ngoko ke, landela indlela yabantu abalungileyoUze uhlale endleleni yamalungisa,+ 21  Kuba ngabalungileyo kuphela abaza kuhlala emhlabeni,Ibe ngabo bamsulwa* abaza kushiyeka kuwo.+ 22  Ke bona abenzi-bubi baza kususwa emhlabeni,+Nabantu abanamaqhinga baza kuncothulwa kuwo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ubulungisa.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Kubonakala ukuba ngomshiyileyo uThixo.
Okanye “ahendayo.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Kubonakala ukuba ngomshiyileyo uThixo.
Okanye “umyeni.”
Ngokoqobo, “kwabo bangena kuye.”
Okanye “ngabo bahlala bethembekile.”