Hoseya 1:1-11
1 Eli lilizwi likaYehova elafika kuHoseya* unyana kaBheri ngemihla kaUziya,+ kaYotham,+ ka-Ahazi+ noHezekiya,+ ookumkani bakwaYuda,+ nangemihla kaYerobhoham+ unyana kaYowashe,+ ukumkani wakwaSirayeli.
2 Xa uYehova waqalisa ukuthetha esebenzisa uHoseya, wathi uYehova kuye: “Hamba, uyokuzithathela umfazi othengisa ngomzimba* nabantwana abafumene ngokuthengisa ngomzimba,* kuba ilizwe liyeke ngokupheleleyo ukulandela uYehova+ ngenxa yokuthengisa ngomzimba.”*
3 Ngoko watshata uGomere intombi kaDibhelayim, wakhulelwa waza ekuhambeni kwexesha wamzalela unyana.
4 Emva koko uYehova wathi kuHoseya: “Mthiye igama elinguYizereli,* kuba kwixesha nje elincinci ndiza kuyiphendulisa indlu kaYehu+ ngenxa yokuchitha kwayo igazi laseYizereli, ibe ndiza kuluphelisa ulawulo lwendlu kaSirayeli.+
5 Ngaloo mini ndiza kusaphula isaphetha sikaSirayeli eNtlanjeni* yaseYizereli.”
6 Waphinda wakhulelwa, wazala intombi. Wathi uThixo kuHoseya: “Yithiye igama elinguLo-ruhama,* kuba andizukuphinda ndiyenzele nceba+ indlu kaSirayeli, ngenxa yokuba ndiza kuyigxotha.+
7 Kodwa ndiza kuyenzela inceba indlu kaYuda,+ ibe ndiza kuyisindisa ngoYehova uThixo wayo;+ kodwa andizukuyisindisa ngesaphetha okanye ngekrele okanye ngemfazwe, ngamahashe okanye ngabakhweli-mahashe.”+
8 Emva kokuba elumle uLo-ruhama, wakhulelwa wazala unyana.
9 Ngoko uThixo wathi: “Mthiye igama elinguLo-ami,* kuba nina aningobantu bam, nam andizukuba ngowenu.
10 “Inani labantu* bakwaSirayeli liza kuba njengesanti yolwandle engenakulinganiswa okanye ibalwe.+ Kwindawo ekwakusithiwa kubo, ‘Aningobantu bam,’+ kuza kuthiwa kubo, ‘Ningoonyana boThixo ophilayo.’+
11 Ibe oonyana bakaYuda nabakaSirayeli baza kuqokelelana baze bamanyane,+ yaye baza kuzimisela intloko enye baze banyuke baphume kwelo lizwe, kuba iza kuba nkulu imini yaseYizereli.+
Umbhalo osemazantsi
^ Igama elishunqulelweyo likaHoshaya, elithetha ukuthi “Usindiswe NguYa; UYa Usindisile.”
^ Okanye “oziphethe kakubi ngesondo.”
^ Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”
^ Okanye “yokuziphatha kakubi ngesondo.”
^ Othetha ukuthi “UThixo Uza Kutyala Imbewu.”
^ Okanye “eThafeni.”
^ Othetha ukuthi “Ongenzelwanga Nceba.”
^ Othetha ukuthi “Abangobantu Bam.”
^ Ngokoqobo, “loonyana.”