KuFilemon 1:1-25
1 UPawulos, ibanjwa+ ngenxa kaKristu uYesu, noTimoti+ umzalwana wethu, ubhalela uFilemon esimthandayo nesisebenza naye,
2 uAfiya udadewethu, uArkipo+ olijoni kunye nathi, nebandla elisendlini yakho,+ esithi:
3 Kwanga uThixo uTata wethu neNkosi uYesu Kristu banganenzela ububele,* baninike noxolo.
4 Ndisoloko ndimbulela uThixo wam xa ndithetha ngawe emthandazweni,+
5 njengokuba ndihlala ndisiva indlela onokholo ngayo noyithanda ngayo iNkosi uYesu nabo bonke abangcwele.
6 Ndithandazela ukuba ukholo onalo, wena namanye amakholwa, lungakwenza uziqonde zonke iintsikelelo esizifumene ngoKristu.
7 Kuba ndiye ndavuya ndaza ndathuthuzeleka kakhulu xa ndisiva ngothando lwakho, kuba uye wazihlaziya iintliziyo zabangcwele,* mzalwana wam.
8 Ngenxa yaloo nto ke, nakuba ndinenkululeko yokukuyalela ukuba wenze oko kufanelekileyo kuba ndingumpostile kaKristu,
9 ndikhetha ukukucenga kuba ndikwazi ukuba unothando, ekubeni mna Pawulos sele ndaluphele, ndililo nebanjwa ngenxa kaKristu uYesu.
10 Ndikucenga ngenxa yomntwana wam uOnesimo,+ endiye ndangutata kuye+ ndisejele.*
11 Ebekade engeloncedo kuwe, kodwa ngoku uluncedo kuwe nakum.
12 Ndimbuyisela kuwe, nditsho yena uqobo, lowo ndimthanda kakhulu.
13 Bendingathanda ukumgcina apha kum ukuze athathe indawo yakho ekundincedeni ngoxa ndisejele ngenxa yeendaba ezilungileyo.+
14 Kodwa andifuni kwenza nantoni na ngaphandle kwemvume yakho, ukuze ungenzi izinto ezilungileyo ngenxa yokunyanzelwa, kodwa uzenze ngenxa yokuzithandela.+
15 Mhlawumbi yiloo nto eye wakushiya okwexeshana,* ukuze abuyele kuwe ngonaphakade,
16 engaselilo ikhoboka,+ kodwa engaphezu kwekhoboka, engumzalwana othandekayo,+ ngokukodwa kum, kanti nangaphezulu kuwe, enyameni naseNkosini.
17 Ngoko ke, ukuba undijonga njengomhlobo wakho, mamkele ngobubele ngendlela obuya kundamkela ngayo nam.
18 Ngaphezu koko, ukuba kukho into embi akwenze yona okanye akutyala yona, libalele kum elo tyala.
19 Mna Pawulos ndibhala ngokwam ndisithi: Ndiza kulibhatala, ndingasayiphathi ke eyokuba nawe lo undityala isiqu sakho.
20 Ewe mzalwana wam, ekubeni singabalandeli beNkosi ndicela undincede ngale nto; yihlaziye intliziyo yam* njengomlandeli kaKristu.
21 Ndiqinisekile ukuba uza kuyenza le nto, ngoko ndikubhalela ndisazi ukuba uza kwenza nangaphezu kwesicelo sam.
22 Kodwa nantsi enye into, ndilungiselele indawo yokuhlala, kuba ndinethemba lokuba ngenxa yemithandazo yenu ndiza kukhululwa ndibuyele kuni.+
23 Uyabulisa uEpafra,+ endibanjwe kunye naye ngenxa kaKristu uYesu,
24 kwanoMarko, uAristarko,+ uDemas+ noLuka,+ endisebenza nabo.
25 Kwanga iNkosi uYesu Kristu inganenzela ububele* ngenxa yendlela enicinga ngayo.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ububele obunganifanelanga.”
^ Okanye “waluhlaziya uthando lwabangcwele.”
^ Okanye “ndibotshelelwe.”
^ Ngokoqobo, “iyure.”
^ Okanye “luhlaziye uthando lwam.”
^ Okanye “ububele obungasifanelanga.”