Duteronomi 15:1-23

  • Qho ngonyaka wesixhenxe, amatyala ayacinywa (1-6)

  • Ukunceda amahlwempu (7-11)

  • Ukukhululwa kwamakhoboka qho ngonyaka wesixhenxe (12-18)

    • Ukugqobhoza indlebe yekhoboka ngenyatyhoba (16, 17)

  • Kunikelwa ngamazibulo ezilwanyana (19-23)

15  “Qho xa kuphela iminyaka esixhenxe nifanele niwacime amatyala abantu abanityalayo.+  Imele yenziwe ngolu hlobo le nto: Wonke umntu oboleke ummelwane wakhe umele alicime elo tyala. Ufanele angamnyanzeli ummelwane wakhe okanye umntakwabo ukuba ambhatale, kuba xa engamnyanzeli wenza le nto ifunwa nguYehova.+  Ningabanyanzela abantu basemzini ukuba babhatale,+ kodwa bona abantakwenu animele nibabhatalise.  Kodwa ke, phakathi kwenu akukho mntu uza kuba lihlwempu, kuba nakanjani na uYehova uza kunisikelela+ kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu,  ukuba nje niyazimisela ukuthobela ilizwi likaYehova uThixo wenu, nize nithobele nalo myalelo ndininika wona namhlanje.+  Kuba uYehova uThixo wenu uza kunisikelela njengoko enithembisile, yaye niza kubolekisa kwiintlanga ezininzi kodwa nina anizukuboleka kuzo.+ Niza kulawula iintlanga ezininzi kodwa zona azizukunilawula.+  “Ukuba omnye wabantakwenu uba lihlwempu kwesinye sezixeko zenu kwilizwe akunika lona uYehova uThixo wenu, uze ungayenzi lukhuni intliziyo yakho okanye ube ligqolo kumntakwenu olihlwempu.+  Uze ube nobubele kakhulu kuye,+ umboleke nantoni na ayidingayo.  Uze ulumke ungacingi obu bubi entliziyweni yakho, ‘Usondele unyaka wesixhenxe, unyaka wokucima amatyala,’+ uze ke ungamenzeli bubele umntakwenu, ungamniki nto. Ukuba ukhe wakhala ngawe kuYehova, wena uza kuba nesono.+ 10  Umele umenzele ububele+ yaye ungamphi nto ukrokra, kuba xa unobubele, uYehova uThixo wakho uza kukusikelela kuyo yonke into oyenzayo.+ 11  Kuba aza kuhlala ekhona amahlwempu kwelo lizwe.+ Yiloo nto ndisithi kuwe, ‘Ufanele umenzele ububele umntakwenu oxhwalekileyo nolihlwempu elizweni lakho.’+ 12  “Ukuba uthengiselwe umntu wakowenu, indoda okanye umfazi ongumHebhere, yaye sele ekusebenzele iminyaka emithandathu, ngonyaka wesixhenxe umele umkhulule.+ 13  Xa umkhulula, makangahambi ungamnikanga nto. 14  Ufanele umkhethele emhlambini wakho, kwibala lakho lokubhula, kwisixovulelo sakho seoli nesewayini. Ufanele umnike ngokwentsikelelo akusikelele ngayo uYehova uThixo wakho. 15  Uze ukhumbule ukuba wawulikhoboka kwilizwe laseYiputa waza wakukhulula uYehova uThixo wakho. Yiloo nto ndikuyalela ukuba wenze le nto namhlanje. 16  “Kodwa ukuba uthi kuwe, ‘Andifuni ukuhamba apha kwakho!’ kuba ekuthanda wena nentsapho yakho, yaye ebonwabile ngoxa ebehlala nawe,+ 17  uze umsondeze emnyango, emva koko umgqobhoze indlebe ngenyatyhoba, yaye uza kuhlala elikhoboka lakho. Nakwikhobokazana lakho uze wenze into efanayo. 18  Makungabi buhlungu kuwe xa umkhulula aze ahambe, kuba umsebenzi akwenzele wona kwiminyaka emithandathu ungaphezulu ngokuphindwe kabini kumsebenzi obunokwenziwa ngumntu oqeshiweyo, yaye uYehova uThixo wakho uye wakusikelela kuyo yonke into. 19  “Onke amazibulo aziinkunzi kumhlambi wakho weenkomo noweegusha wangcwalisele uYehova uThixo wakho.+ Uze ungalenzisi nawuphi na umsebenzi izibulo eliphuma kumhlambi wakho weenkomo* yaye ungalichebi izibulo eliphuma kumhlambi wakho weegusha. 20  Wena nentsapho yakho nimele nilityele phambi koYehova uThixo wakho unyaka nonyaka, kwindawo uYehova aza kuyikhetha.+ 21  Kodwa ukuba linesiphene, oko kukuthi liyaqhwalela, liyimfama, okanye nasiphi na isiphene, ufanele ungabingeleli ngalo kuYehova uThixo wakho.+ 22  Nifanele nilityele ezixekweni zenu, lityiwe ngumntu ongacocekanga nococekileyo, ngokufanayo naxa nisitya ibhadi okanye impunzi.+ 23  Kodwa lona igazi lalo animele nilitye;+ nimele nilichithele emhlabeni njengamanzi.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “izibulo lenkunzi yakho yenkomo.”