ABagwebi 12:1-15
12 Kwathunyelwa ukuba kubizwe amadoda akwaEfrayim, ngoko awelela eTsafon,* aza athi kuYifeta: “Kutheni ungasibizanga ukuba sihambe nawe xa ubuwela usiya kulwa nama-Amoni?+ Siza kukutshisela endlini yakho.”
2 Kodwa uYifeta wathi kuwo: “Mna nabantu bam kudala sijijisana nama-Amoni. Ndiye ndakhala kuni ndicela uncedo, kodwa anikhange nindisindise kuwo.
3 Ndithe ndakubona ukuba anizukundisindisa, ndaqonda ukuba mandibeke ubomi bam engozini* ndilwe nama-Amoni,+ yaye uYehova uye wawanikela kum. Ngoko kutheni nizokulwa nam namhlanje?”
4 Emva koko uYifeta waqokelela onke amadoda aseGiliyadi+ waza walwa noEfrayim; amadoda aseGiliyadi amoyisa uEfrayim, owayethe: “Nina ningabantu nje ababaleke kwaEfrayim, nina maGiliyadindini akwaEfrayim nakwaManase.”
5 AmaGiliyadi awathimba amazibuko aseYordan+ ngaphambi kokuba afike amaEfrayim; ibe xa amadoda akwaEfrayim azama ukuqhwesha ayesithi: “Ndivumeleni ndiwele,” amadoda aseGiliyadi ayebuza nganye kuwo athi: “UngumEfrayim?” Yakuthi, “Hayi!”
6 ayesithi kuyo, “Khawuthi Shibholete.” Kodwa yona yayisithi, “Sibholete,” kuba yayingakwazi ukulibiza kakuhle elo gama. Emva koko, ayeyibamba aze ayibulale emazibukweni aseYordan. Ngoko kwafa amaEfrayim ayi-42 000 ngelo xesha.
7 UYifeta waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka emithandathu, emva koko uYifeta umGiliyadi wafa waza wangcwatyelwa kwisixeko sakowabo eGiliyadi.
8 Emva kwakhe, uIbhetsan waseBhetelehem waba ngumgwebi kwaSirayeli.+
9 Wayenoonyana abayi-30 neentombi eziyi-30. Wathumela iintombi zakhe ukuba ziye kutshata namadoda ezinye iintsapho, waza wazisa iintombi eziyi-30 ukuba zitshate noonyana bakhe. Waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka esixhenxe.
10 Wafa uIbhetsan, wangcwatyelwa eBhetelehem.
11 Emva kwakhe, uElon umZebhulon waba ngumgwebi kwaSirayeli; waba ngumgwebi iminyaka elishumi.
12 Wafa uElon umZebhulon, wangcwatyelwa eAyalon kwilizwe lakwaZebhulon.
13 Emva kwakhe, uAbhedon unyana kaHileli umPiratoni waba ngumgwebi kwaSirayeli.
14 Wayenoonyana abayi-40 nabazukulwana abangamadoda abayi-30 ababekhwela iidonki eziyi-70. Waba ngumgwebi kwaSirayeli iminyaka esibhozo.
15 Wafa uAbhedon unyana kaHileli umPiratoni, wangcwatyelwa ePiratoni kwilizwe lakwaEfrayim kwintaba yama-Amaleki.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “awelela emantla.”
^ Okanye “mandibeke ubomi bam esandleni sam.”