Eyesibini KaPetros 1:1-21
1 Mna Simon Petros, olikhoboka nompostile kaYesu Kristu, ndibhalela abo banokholo oluxabiseke njengolwethu, abalufumene ngenxa yobulungisa boThixo wethu noboMsindisi wethu uYesu Kristu:
2 Kwanga ningenzelwa ububele* nize ninikwe noxolo oluninzi, ngenxa yokuba nimazi kakuhle+ uThixo noYesu iNkosi yethu,
3 kuba ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto ezisinceda siphile ubomi bokuzinikela kuye, ngolwazi oluchanileyo lwaLowo wasibizayo+ ngozuko nesidima,
4 waza wasithembisa izinto ezixabisekileyo nezimangalisayo,+ ukuze sibe njengaye,+ kuba sikuphephile ukonakaliswa zizinto ezingafanelekanga ezifunwa lihlabathi.
5 Ngoko ke, zamani ngamandla enu onke+ ukuba kukholo lwenu nongezelele ukulunga,+ ekulungeni ulwazi,+
6 elwazini ukuzibamba, ekuzibambeni+ ukunyamezela, ekunyamezeleni ukuzinikela kuThixo,+
7 ekuzinikeleni kuThixo ukuthanda abazalwana, ekuthandeni abazalwana ukuthanda wonke umntu.+
8 Ukuba nizama ngamandla enu onke ukuzenza ezi zinto, ziza kuninceda ningayeki ukukhonza uThixo okanye ukwenza izinto ezilungileyo enizifundileyo,+ naza nazazi ngeNkosi yethu uYesu Kristu.
9 Nabani na ongazenziyo ezi zinto, uyimfama, akafuni kukubona ukukhanya,+ ibe ulibele ukuba zahlanjwa izono zakhe+ zakudala.
10 Ngoko ke bazalwana, zamani ngandlela zonke ukuba nihlale nikufanelekela ukubizwa+ nokukhethwa kwenu, kuba ukuba niyaqhubeka nizenza ezi zinto soze niwe.+
11 Ngokuqinisekileyo, niya kuyivulelwa ibe banzi indlela engena eBukumkanini obungunaphakade+ beNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu.+
12 Yiloo nto ndizimisele ukuhlala ndinikhumbuza ngezi zinto, nangona nizazi yaye niqinisekile ngenyaniso eniyifundileyo.
13 Kodwa mna ndibona kufanelekile ukuba ndimane ndinikhumbuza+ okwangoku ndisekulo mzimba unjengentente,+
14 ekubeni ndisazi ukuba seyiza kuchithwa le ntente, kanye njengokuba yatshoyo iNkosi yethu uYesu Kristu.+
15 Ngoko ndiza kuzama kangangoko ukuba xa sendimkile nikwazi ukuzikhumbula ngokwenu ezi zinto.
16 Sasingabalisi ntsomi xa sasinixelela ngamandla nobukho beNkosi yethu uYesu Kristu, kodwa sazibonela ngokwethu indlela amangalisa ngayo.+
17 Kuba uTata wakhe, uThixo ozukileyo, wamphakamisa waza wamzukisa ngokuthi: “Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo.”+
18 La mazwi saweva ephuma ezulwini xa sasikunye naye kwintaba engcwele.
19 Loo nto yasenza saqiniseka ukuba zonke izinto ezazithethwe nguThixo ziza kwenzeka, ngoko ke zifakeni engqondweni. Ezintliziyweni zenu, ezi zinto mazibe ngathi sisibane+ esikhanyisa ebumnyameni (xa kuthi qheke ukusa kuze kuphume ikhwezi*+).
20 Kuba okokuqala nje, niyazi ukuba akukho siprofeto seSibhalo sivela ebantwini.
21 Kuba zange nanini na kubekho isiprofeto ngokuthanda komntu,+ kodwa abantu babethetha ngokusuka kuThixo beqhutywa ngumoya oyingcwele.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ububele obungasifanelanga.”
^ Ikhwezi yinkwenkwezi yokugqibela evelayo ngaphambi kokuba kuphume ilanga.