Eyesibini YeziKronike 15:1-19
-
UAsa wenza utshintsho (1-19)
15 Umoya kaThixo wafika kuAzariya unyana kaOdedi.
2 Ngoko waphuma wayokudibana noAsa, wathi kuye: “Ndimamele Asa nani nonke maYuda namaBhenjamin! UYehova uza kuba nani xa nani nikunye naye.+ Ukuba niyamfuna, uza kunivumela nimfumane,+ kodwa ukuba niyamshiya, naye uza kunishiya.+
3 Sekudlule ixesha elide* uSirayeli engenaye uThixo wokwenene, kungekho mbingeleli ufundisayo yaye engenamthetho.+
4 Kodwa xa babexhwalekile babuyela kuYehova uThixo kaSirayeli, bamkhangela, yaye wabavumela ukuba bamfumane.+
5 Ngaloo maxesha, wayengakhuselekanga umntu ohambayo,* kuba kwakukho iingxwabangxwaba ezininzi phakathi kwabo bonke abantu bamazwe.
6 Uhlanga lwalutshatyalaliswa lolunye, nesixeko sitshatyalaliswa sesinye, kuba uThixo wayeka kwabakho udushe olwalubangelwa ziingxaki ezininzi.+
7 Kodwa nina yomelelani, ningatyhafi,*+ kuba niza kuvuzwa ngomsebenzi wenu.”
8 Ngokukhawuleza nje akuweva uAsa la mazwi nesiprofeto sikaOdedi umprofeti, waba nesibindi, wazisusa izithixo ezenyanyekayo kulo lonke ilizwe lakwaYuda+ nelakwaBhenjamin nakwizixeko awayezithimbile kummandla weentaba wakwaEfrayim. Wasilungisa isibingelelo sikaYehova esasiphambi kweveranda kaYehova.+
9 Waqokelela wonke uYuda, uBhenjamin nabantu basemzini ababekunye nabo bengabakwaEfrayim, kwaManase nakwaSimeyon,+ kuba xa babonayo ukuba uYehova uThixo wakhe ukunye naye, baqhweshela kuye besuka kwaSirayeli, bebaninzi.
10 Ngoko baqokelelana eYerusalem ngenyanga yesithathu kunyaka we-15 elawula uAsa.
11 Ngaloo mini benzela uYehova imibingelelo ngezinto ababezixuthe emfazweni, iinkomo eziyi-700 neegusha eziyi-7 000.
12 Benza nesivumelwano sokumfuna uYehova uThixo wookhokho babo ngentliziyo yabo yonke nangomphefumlo* wabo wonke.+
13 Nabani na owayengazukumfuna uYehova uThixo kaSirayeli wayemele abulawe, nokuba mncinci okanye mkhulu, nokuba yindoda okanye ngumfazi.+
14 Ngoko bafunga kuYehova ngelizwi elikhulu, bekhwaza bevuya yaye bekhalisa amaxilongo nezigodlo.
15 Wonke uYuda wayevuyiswa sesi sifungo, kuba babefunge ngayo yonke intliziyo yabo yaye babezimisele xa babemfuna, waza wabavumela ukuba bamfumane.+ UYehova waqhubeka ebaphumza macala onke.+
16 UAsa ukumkani wada wayekisa nomakhulu wakhe uMahaka+ ekubeni ngukumkanikazi,* kuba wenza isithixo esilisikizi ukuze kunqulwe ipali engcwele.*+ UAsa wasigawula eso sithixo, wasicola, waza wasitshisa kwiNtlambo YeKidron.+
17 Kodwa azizange zichithwe iindawo eziphakamileyo+ kwaSirayeli.+ Noko ke, intliziyo ka-Asa yayiphelele* kuThixo ubomi bakhe bonke.*+
18 Wazizisa endlini yoThixo wokwenene izinto ezazenziwe ngcwele nguye notata wakhe: isilivere, igolide nezinye izinto.+
19 Zange kubekho mfazwe de yangunyaka we-35 elawula uAsa.+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “Mininzi imihla.”
^ Ngokoqobo, “kwakungekho xolo kophumayo nakongenayo.”
^ Ngokoqobo, “yaye mazingawi izandla zenu.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “linenekazi.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “yayinikelwe ngokupheleleyo.”
^ Ngokoqobo, “yonke imihla yakhe.”