Eyesibini YeziKronike 1:1-17

  • USolomon ucela ubulumko (1-12)

  • Ubutyebi bukaSolomon (13-17)

1  USolomon unyana kaDavide waya esiba namandla ebukumkanini bakhe, yaye uYehova uThixo wakhe wayenaye ibe wamenza mkhulu kakhulu.+  USolomon wathi makubizwe wonke uSirayeli, iintloko zamawaka nezamakhulu, abagwebi nazo zonke iinkosi zikaSirayeli wonke, iintloko zezindlu zootata babo.  Emva koko, uSolomon nalo lonke ibandla baya kwindawo ephakamileyo eGibheyon,+ kuba yayilapho intente yokuhlangana kaThixo wokwenene, leyo yayenziwe nguMoses umkhonzi kaYehova entlango.  Kodwa ke, uDavide wayeyithathile iTyeya kaThixo wokwenene eKiriyati-yarim,+ wayisa kwindawo awayeyilungiselele yona; wayeyakhele intente eYerusalem.+  Isibingelelo+ sekopolo esenziwa nguBhetsaleli+ unyana kaUri unyana kaHure, sasibekwe phambi kwentente engcwele kaYehova, yaye uSolomon nebandla babethandaza phambi kwayo.*  Ngoko uSolomon wanikela apho phambi koYehova, enikela phezu kwesibingelelo+ sekopolo sentente yokuhlangana, iminikelo etshiswayo eyi-1 000.  Ngobo busuku, uThixo wabonakala kuSolomon wathi: “Cela into ongathanda ndikuphe yona.”+  USolomon wathi kuThixo: “Uye wamthanda kakhulu ngokungagungqiyo uDavide+ utata ibe uye wandenza ukumkani emva kwakhe.+  Ngoku ke Yehova Thixo, mayenzeke into owayithembisa+ uDavide utata, kuba undenze ukumkani wabantu abaninzi njengamasuntswana othuli lomhlaba.+ 10  Ndinike ke ubulumko nolwazi+ ukuze ndikhokele esi sizwana,* kuba ngubani onokukwazi ukugweba esi sizwe sakho sikhulu kangaka?”+ 11  UThixo wathi kuSolomon: “Ngenxa yokuba le iyinto efunwa yintliziyo yakho ibe ungacelanga ndyebo, butyebi nambeko okanye ukuba bafe abo bakucaphukelayo, futhi ungacelanga nabomi bude,* kodwa ucele ubulumko nolwazi ukuze ugwebe abantu bam endikwenze ukuba ube ngukumkani wabo,+ 12  uza kunikwa ubulumko nolwazi, kodwa ndiza kukunika nendyebo, ubutyebi nembeko, wogqithe bonke ookumkani abakhe bakho ngaphambi kwakho, nabaseza kubakho emva kwakho.”+ 13  USolomon wabuya kwindawo ephakamileyo eGibheyon,+ ententeni yokuhlangana, weza eYerusalem, walawula uSirayeli. 14  USolomon waqhubeka ezongeza iinqwelo namahashe.* Wayeneenqwelo eziyi-1 400 namahashe ayi-12 000,*+ yaye wawabeka kwizixeko zeenqwelo+ nakufuphi nokumkani eYerusalem.+ 15  Ukumkani wayenza yaxhaphaka okwamatye isilivere negolide eYerusalem,+ wenza namaplanga omsedare aba maninzi njengemithi yesikamore eseShefela.+ 16  Amahashe kaSolomon ayevela eYiputa,+ ibe oosomashishini bakakumkani babeyithenga ngexabiso elifanayo yonke imihlambi yamahashe.*+ 17  Inqwelo nganye babeyithenga eYiputa ngamaqhosha esilivere ayi-600, ihashe lona ngamaqhosha ayi-150. Emva koko babezithumela kubo bonke ookumkani bamaHiti nookumkani baseSiriya.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “babebuzisa kuThixo apho.”
Ngokoqobo, “ndiphume ndize ndingene phambi kwesi sizwana.”
Ngokoqobo, “nantsuku zininzi.”
Okanye “nabakhweli-mahashe.”
Okanye “nabakhweli-mahashe abayi-12 000.”
Okanye kusenokwenzeka, “ngamahashe abawathenge eYiputa naseKuwe; abarhwebi bakakumkani babewathenga eKuwe,” mhlawumbi eli gama libhekisela kwiSilisiya.