Eyesibini KwabaseKorinte 5:1-21
5 Kaloku siyazi ukuba xa le ntente eyindlu yethu yasemhlabeni ichithwa,+ uThixo uza kusinika esinye isakhiwo, indlu engenziwanga ngazandla+ eza kuhlala ngonaphakade emazulwini.
2 Kuba siyancwina kule ndlu* sikuyo, sifuna ngamandla ukungena kule yasezulwini,+
3 ukuze ixesha lokuba singene kuyo* lingafiki singenandawo yokuhlala.*
4 Thina bakule ntente siyancwina, sicinezelekile; ngenxa yokuba asifuni ukuyishiya le ndlu, kodwa siyakufuna ukungena kwenye,+ ukuze oko kufayo kuginywe bubomi.+
5 Umntu osilungiselele yonke le nto nguThixo,+ osinike umoya oyingcwele, osisiqinisekiso sezinto eziza kuza.+
6 Nangona sikulo mzimba, sikude neNkosi, sihlala sinethemba,+
7 kuba sihamba ngokholo, kungekhona ngokubona.
8 Kodwa sinethemba yaye sinqwenela ukuwushiya lo mzimba size sihlale kwikhaya lethu neNkosi.+
9 Ngoko sihlala sizimisele ukwamkeleka kuye, nokuba sikunye naye okanye akunjalo.
10 Kuba sonke simele sivele phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu, ukuze umntu ngamnye abuyekezwe ngokwezinto azenzileyo esekulo mzimba, nokuba zintle okanye zimbi.+
11 Ekubeni sisazi ukuba simele siyoyike iNkosi, siqhubeka sicenga abantu, kodwa uThixo usazi kakuhle. Noko ke ndiyathemba ukuba nezazela zenu zisazi kakuhle.
12 Asifuni kuphinda siqhayise ngeziqu zethu kuni, kodwa sininika isizathu sokuqhayisa ngathi, ukuze nibaphendule abantu abaqhayisa ngendlela ababonakala ngayo ngaphandle+ kungekhona ngoko kusentliziyweni.
13 Kuba ukuba besishiywe ziingqondo,+ besisenzela uThixo; ukuba siphilile engqondweni, senzela nina.
14 Kuba uthando analo uKristu luyasinyanzela, kuba siye sagqiba kwelokuba, umntu omnye wabafela bonke abantu;+ ngoko ke, bonke abantu babefile.
15 Wabafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela,+ kodwa baphilele lowo wabafelayo waza wavuswa.
16 Ngoko ukususela ngoku, akukho mntu simgweba ngenxa yendlela abonakala ngayo ngaphandle kuphela.+ Kodwa nokuba sasikade simjonga ngaloo ndlela uKristu, asisamjongi ngaloo ndlela ngoku.+
17 Ngoko ukuba umntu umanyene noKristu, usisidalwa esitsha;+ izinto ezindala zidlule, kufike izinto ezintsha.
18 Kodwa zonke izinto zivela kuThixo, owasenza saba seluxolweni naye esebenzisa uKristu,+ waza wasinika umsebenzi wokunceda abanye babe seluxolweni naye.+
19 Le nto ithetha ukuba uThixo wasebenzisa uKristu ukuze enze abantu babe seluxolweni naye,+ ezixolela izono zabo,+ yaye wasinika lo msebenzi wokuxelela abantu ukuba bangaba seluxolweni naye.+
20 Ngoko singoonozakuzaku+ abamela uKristu.+ UThixo ucenga abantu esebenzisa thina. Singabameli bakaKristu abacenga abantu sisithi: “Yibani seluxolweni noThixo.”
21 UKristu akazange one,+ yaye uThixo wanikela ngaye ngenxa yezono zethu ukuze sibe ngamalungisa phambi kukaThixo ngenxa yakhe.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “kule ndawo yokuhlala.”
^ Ngokoqobo, “siyinxibe,” ngokungathi kunxitywa impahla.
^ Ngokoqobo, “singanxibanga nto.”