Eyokuqala KaYohane 4:1-21

  • Wavavanyeni amazwi ekuthiwa aphefumlelwe (1-6)

  • Ukumazi nokumthanda uThixo (7-21)

    • “UThixo uluthando” (8, 16)

    • Umntu onothando akoyiki nto (18)

4  Bazalwana bam endibathandayo, sanukuwakholelwa onke amazwi ekuthiwa aphefumlelwe,+ kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone ukuba aphuma kuThixo nyhani na,+ kuba kuye kwavela abaprofeti bobuxoki abaninzi ehlabathini.+  Nantsi indlela eniza kwazi ngayo ukuba amazwi aphefumlelwe nguThixo: Onke amazwi aphefumlelweyo avumayo ukuba uYesu Kristu weza enomzimba wenyama, aphuma kuThixo.+  Kodwa onke amazwi aphefumlelweyo angamvumiyo uYesu akaphumi kuThixo.+ Kunoko, ngamazwi aphefumlelweyo omchasi-Kristu enanivile ukuba uza kuwathetha,+ yaye ngoku sele ewathetha ehlabathini.+  Nina bantwana abancinci niphuma kuThixo, yaye niboyisile abaprofeti bobuxoki,+ kuba lowo umanyene nani+ mkhulu kunalowo umanyene nehlabathi.+  Bona baphuma ehlabathini;+ yiloo nto bethetha izinto zehlabathi, nehlabathi libamamela.+  Thina siphuma kuThixo. Lowo umaziyo uThixo uyasimamela;+ lowo ungaphumi kuThixo akasimameli.+ Siwabona njalo ke amazwi aphefumlelweyo enyaniso namazwi aphefumlelweyo obuxoki.+  Bazalwana bam endibathandayo, masiqhubeke sithandana,+ kuba uthando luvela kuThixo, yaye wonke umntu obathandayo abanye uzelwe nguThixo, yaye uyamazi uThixo.+  Umntu ongabathandiyo abanye akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.+  UThixo wasibonisa ukuba uyasithanda ngokuthumela unyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini,+ ukuze sifumane ubomi ngaye.+ 10  Ngoko ayisithi esamthandayo uThixo, kodwa nguye owasithandayo waza wathumela uNyana wakhe ukuba abe ngumbingelelo+ wokuxolelwa kwezono zethu.+ 11  Bazalwana bam endibathandayo, ukuba le yindlela uThixo asithanda ngayo, nathi simele sithandane.+ 12  Akukho mntu wakha wambona uThixo nanini na.+ Ukuba siqhubeka sithandana, uThixo uza kuqhubeka enathi yaye uza kusithanda ngokupheleleyo.+ 13  Siyazi ukuba simanyene naye, naye umanyene nathi, kuba usinike umoya wakhe. 14  Ngaphezu koko, sizibonele ngokwethu ibe siyangqina ukuba uTata uye wamthumela uNyana wakhe ukuze abe nguMsindisi wehlabathi.+ 15  Nabani na ovumayo ukuba uYesu unguNyana kaThixo,+ umanyene noThixo, noThixo umanyene naye.+ 16  Siyazi ibe siyakholwa ukuba uThixo uyasithanda.+ UThixo uluthando,+ yaye umntu oqhubeka emthanda uThixo, umanyene naye, ibe noThixo umanyene naloo mntu.+ 17  Ngale ndlela siza kuba simthanda ngokupheleleyo, ukuze sibe nenkululeko yokuthetha+ ngemini yomgwebo, kuba kanye njengokuba enjalo uKristu, nathi sinjalo kweli hlabathi. 18  Umntu onothando akoyiki nto,+ kodwa uthando olugqibeleleyo lukuphosela phandle ukoyika, kuba ukoyika kuyangcungcuthekisa. Kaloku, umntu owoyikayo akanalo uthando olugqibeleleyo.+ 19  Thina ke sinothando, kuba wasithanda kuqala.+ 20  Ukuba umntu uthi, “Ndiyamthanda uThixo,” kodwa abe emcaphukela umzalwana wakhe, ulixoki.+ Kaloku umntu ongamthandiyo umzalwana wakhe+ ambonayo, akanakuthanda uThixo angamboniyo.+ 21  Sinikwe umyalelo wokuba, nabani na omthandayo uThixo, ufanele athande nomzalwana wakhe.+

Umbhalo osemazantsi