Eyokuqala KaSamuweli 21:1-15

  • UDavide utya isonka sokubonisa eNobhi (1-9)

  • UDavide uzenza umntu ophambanayo eGati (10-15)

21  Ethubeni uDavide waya eNobhi+ kuAhimeleki um­bingeleli. UAhimeleki woyika kakhulu akudibana noDavide waza wathi: “Kutheni uhamba wedwa nje, kungekho mntu uhamba naye?”+  UDavide wathi kuAhimeleki umbingeleli: “Kukho into endiyithunywe ngukumkani, kodwa uthe, ‘Uze ungayixeleli kwamntu le nto ndikuthume yona nemiyalelo endikunike yona.’ Kukho indawo esivumelene ukuba siza kudibana kuyo nabafana bam.  Ngoko ukuba unezonka ezihlanu, ndicela undinike zona, okanye undinike nokuba yintoni na efumanekayo.”  Kodwa umbingeleli wathi kuDavide: “Asikho isonka esiqhelekileyo ngoku, kodwa kukho esingcwele,+ sona ungasifumana kuphela ukuba abafana baye bacezela kude ebafazini.”*+  UDavide wathi kumbingeleli: “Siye sacezela kude ebafazini kanye njengokuba besiqhele ukwenza njalo xa ndisiya emfazweni.+ Ukuba ke imizimba yabafana ibiba ngcwele sisenza umsebenzi oqhelekileyo, imele ukuba ingcwele kakhulu ke namhlanje!”  Ngoko umbingeleli wamnika isonka esingcwele,+ kuba sasingekho esinye ngaphandle kwesi sokubonisa, esasisusiwe phambi koYehova ukuze kubekwe esinye esasibhakwe ngaloo mini.  Ngaloo mini, omnye wabakhonzi bakaSawule wayelapho evalelwe phambi koYehova. Igama lakhe yayinguDowegi+ umEdom,+ umphathi wabalusi bakaSawule.  UDavide wathi kuAhimeleki: “Akukho mkhonto okanye krele apha? Khange ndilithathe elam, khange ndithathe kwasixhobo kuba ibingxamisekile le nto ndiyithunywe ngukumkani.”  Wathi ke umbingeleli: “Kukho ikrele likaGoliyati+ umFilisti, lo wamxabelayo eNtlanjeni KaElaha.*+ Lisongelwe ngelaphu pha emva kwe-efodi.+ Ukuba uyalifuna, ungalithatha, kuba lilo lodwa elikhoyo.” UDavide wathi: “Alikho elinjengalo, ndinike lona kanye.” 10  Ngaloo mini uDavide waphakama waza waqhubeka ebaleka+ uSawule, wada wayokufika kuKumkani uAkishe waseGati.+ 11  Abakhonzi baka-Akishe bathi kuye: “AyingoDavide na lo, ukumkani welizwe? Ayinguye na lo babecula ngaye yaye bedanisa, besithi, ‘USawule uxabele amawaka akhe,Yena uDavide amashumi amawaka akhe’?”+ 12  UDavide wacingisisa ngala mazwi, waza wamoyika kakhulu+ uKumkani uAkishe waseGati. 13  Ngoko wazenza igeza,+ wangathi uyaphambana xa ekunye nabo. Wabhala amarhoqololo kwiingcango zegeyithi, waza wayeka nezinkcwe zazehlela kwiindevu zakhe. 14  Ekugqibeleni uAkishe wathi kubakhonzi bakhe: “Niyazibonela nani ukuba iphambene le ndoda. Kutheni ke ngoku niyizisa kum? 15  Ndinqatyelwe ngabantu abaphambeneyo kakade, le nto nindizisele eli geza? Lifanele lize ekhayeni lam na?”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “khange balale nabafazi.”
Okanye “kwiThafa LakwaElaha.”