Eyokuqala YooKumkani 21:1-29

  • UAhabhi ufuna intsimi yeediliya kaNabhoti (1-4)

  • Ngamaqhinga uIzebhele ubulalisa uNabhoti (5-16)

  • Umyalezo kaEliya ngento eza kwehlela uAhabhi (17-26)

  • UAhabhi uyazithoba (27-29)

21  Emva kwezi zinto, kwabakho ukungavisisani ngenxa yentsimi yeediliya kaNabhoti umYizereli; yayiseYizereli+ ngakwindlu kaKumkani uAhabhi waseSamariya.  UAhabhi wathi kuNabhoti: “Ndinike le ntsimi yakho, ukuze ndityale kuyo imifuno, kuba isondelelene nendlu yam. Ndiza kukunika intsimi yeediliya ebhetele kunayo. Okanye ukuba uyafuna, ndiza kukunika imali eyilingeneyo.”  Kodwa uNabhoti wathi kuAhabhi: “Andinakuyicinga nokuyicinga into yokukunika ilifa lookhokho bam, kuba uYehova akayivumeli loo nto.”+  Ngoko uAhabhi wangena endlini yakhe, equmbile yaye ekhathazwe yimpendulo ayifumene kuNabhoti umYizereli, ethi: “Andizukukunika ilifa lookhokho bam.” Wangqengqa emandlalweni wakhe, ejonge kwelinye icala, akafuna nokutya.  Umfazi wakhe uIzebhele+ weza kuye wathi: “Yintoni le ikukhathaza kangaka, ude ungafuni nokutya?”  Wathi: “Ndithethe noNabhoti umYizereli ndathi kuye, ‘Ndithengisele intsimi yakho yeediliya. Okanye ukuba uyafuna, mandikunike enye intsimi yeediliya endaweni yayo.’ Kodwa yena uthe, ‘Andizukukunika intsimi yam yeediliya.’”  Umfazi wakhe uIzebhele wathi: “Ayinguwe na kanti ukumkani kwaSirayeli? Phakama, utye wonwabe. Ndiza kukunika intsimi yeediliya kaNabhoti umYizereli.”+  Ngoko wabhala iileta ngegama lika-Ahabhi waza wazivala ngesitampu sakhe,+ wazithumela kubadala+ nakwizikhulu ezazihlala esixekweni sikaNabhoti.  Kwezo leta wabhala wathi: “Chazani ukuba kuza kuzilwa ukutya, nihlalise uNabhoti phambi kwabantu. 10  Nize nihlalise amadoda amabini angoongantweni phambi kwakhe,+ ammangalele athi, ‘Uthuke uThixo nokumkani!’+ Emva koko nize nimkhuphe nimbethe ngamatye de afe.”+ 11  Ngoko amadoda esixeko sakhe, abadala nezikhulu ezazihlala esixekweni sakhe, enza kanye njengoko kwakubhaliwe kwiileta awayezithunyelelwe nguIzebhele. 12  Athi makuzilwe ukutya aza ahlalisa uNabhoti phambi kwabantu. 13  Kwangena amadoda amabini angoongantweni, ahlala phambi kwakhe aza ammangalela uNabhoti, esithi: “UNabhoti uthuke uThixo nokumkani!”+ Emva koko amkhuphela ngaphandle kwesixeko aza ambetha ngamatye de wafa.+ 14  Amadoda esixeko athumela kuIzebhele, esithi: “UNabhoti ubethwe ngamatye wafa.”+ 15  Emva nje kokuba uIzebhele evile ukuba uNabhoti ubethwe ngamatye wafa, wathi kuAhabhi: “Phakama, uye kuthatha intsimi yeediliya kaNabhoti umYizereli,+ leya ebengafuni kukuthengisela yona, kuba uNabhoti akasekho, ufile.” 16  Wathi nje akuva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wahamba wayokuyithatha intsimi yeediliya kaNabhoti umYizereli. 17  Kodwa ilizwi likaYehova lafika kuEliya+ umTishbhi, lisithi: 18  “Hamba uye kuAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, oseSamariya.+ Uhlile wayokuthatha intsimi yeediliya kaNabhoti. 19  Uze uthi kuye: ‘Uthi uYehova: “Ubulele indoda+ waza wathatha umhlaba wayo,+ andithi?”’ Emva koko uze uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Indawo izinja ezilikhothe kuyo igazi likaNabhoti, ziza kulikhotha kuyo nelakho.”’”+ 20  UAhabhi wathi kuEliya: “Undifumene, lutshaba lwam!”+ Yena wathi: “Ewe ndikufumene. ‘Ngenxa yokuba uzimisele* ukwenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova,+ 21  ndikuzisela intlekele, ibe ndiza kutshayela emva kwakho nditshabalalise wonke umntu oyindoda* kwa-Ahabhi,+ nkqu nabo bangenakuzinceda nabangenamandla kwaSirayeli.+ 22  Nendlu yakho ndiza kuyenza ibe njengendlu kaYerobhoham+ unyana kaNebhati nanjengendlu kaBhahasha+ unyana ka-Ahiya, kuba undicaphukisile waza wabangela ukuba uSirayeli one.’ 23  UYehova uye wathi ngoIzebhele: ‘Izinja ziza kumtya zimgqibe uIzebhele kulo mhlaba waseYizereli.+ 24  Nabani na ofayo esixekweni ongoka-Ahabhi izinja ziza kumtya zimgqibe, yaye nabani na ofela endle iintaka zezulu ziza kumtya zimgqibe.+ 25  Akuzange kubekho mntu unjengoAhabhi,+ owayezimisele* kangaka ukwenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, entyontyelwa ngumfazi wakhe uIzebhele.+ 26  Wenza eyona nto yakha yambi ngokulandela izithixo ezenyanyekayo,* kanye njengokuba onke ama-Amori enzayo, lawo uYehova wawagxothayo phambi kwamaSirayeli.’”+ 27  Wathi nje akuva la mazwi uAhabhi, wazikrazula iimpahla zakhe wanxiba amalaphu okwenza ingxowa; wazila ukutya waza wangqengqa ewanxibile, ehamba ethe nyoxo. 28  Kwafika ilizwi likaYehova kuEliya umTishbhi, lisithi: 29  “Umbonile na indlela azithobe ngayo uAhabhi ngenxa yam?+ Kuba eye wazithoba phambi kwam, andizukuyizisa ngemihla yakhe intlekele. Ndiza kuzisela indlu yakhe intlekele ngemihla yonyana wakhe.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “uzithengisele.”
Ngokoqobo, “nabani na ochamela eludongeni.” Intetho yesiHebhere enyembayo ebhekisela kumadoda.
Ngokoqobo, “owayezithengisele.”
Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.