Eyokuqala YooKumkani 19:1-21

  • UEliya ubaleka uIzebhele onomsindo (1-8)

  • UYehova uvela kuEliya eHorebhe (9-14)

  • UEliya uza kuthambisa uHazayeli (15-18)

  • UElisha uyakhethwa ukuba angene endaweni kaEliya (19-21)

19  UAhabhi+ waxelela uIzebhele+ yonke into eyenziwe nguEliya nendlela ababulele ngayo bonke abaprofeti ngekrele.+  Ngoko uIzebhele wathumela umthunywa kuEliya, esithi: “Kwanga oothixo bangandohlwaya, baze bongeze, ukuba ngeli xesha ngomso andenzanga kuwe le nto oyenze kwabanye abaprofeti!”  Yamoyikisa ke loo nto, waza wabaleka esindisa ubomi bakhe.+ Wafika eBher-shebha,+ indawo yakwaYuda,+ waza washiya isicaka sakhe apho.  Wahamba uhambo oluthatha usuku waya entlango, wafika wahlala phantsi komthi wonwele, waza wacela ukufa.* Wathi: “Kwanele! Owu Yehova, buthathe ubomi bam,+ kuba andilunganga ngaphezu kookhokho bam.”  Emva koko walala phantsi kwaloo mthi wonwele. Kuthe kusenjalo, wachukunyiswa yingelosi,+ yathi kuye: “Vuka utye.”+  Wathi akujonga, wabona entla kwakhe isonka esirawundi siphezu kwamatye ashushu nejagi yamanzi. Watya, wasela waphinda walala.  Ethubeni ingelosi kaYehova yabuya okwesibini yamchukumisa yathi: “Vuka utye, kuba uza kuba nohambo olunzima.”  Ngoko wavuka waza watya wasela, ibe oko kutya kwamnceda wanamandla okuhamba iintsuku eziyi-40, ubusuku nemini, de waya kufika eHorebhe, entabeni yoThixo wokwenene.+  Wangena emqolombeni+ wachitha ubusuku apho, waza weva ilizwi likaYehova lisithi: “Ubekwa yintoni apha Eliya?” 10  Yena ke wathi: “Bendizimisele nyhani ukukhonza uYehova uThixo wemikhosi;+ kuba oonyana bakaSirayeli baye basaphula isivumelwano sakho,+ bazichitha izibingelelo zakho, nabaprofeti bakho bababulala ngekrele,+ ibe ndim kuphela oshiyekileyo. Ngoku bafuna ukundibulala.”+ 11  UThixo wathi: “Phuma uyokuma entabeni phambi koYehova.” UYehova wadlula apho,+ kwaza kwabakho umoya omkhulu oqhekeza iintaba, uvula namawa phambi koYehova, kodwa uYehova+ wayengekho kuloo moya. Emva komoya kwabakho inyikima,+ kodwa uYehova wayengekho kuloo nyikima. 12  Emva kwenyikima kwabakho umlilo,+ kodwa uYehova wayengekho kuloo mlilo. Emva komlilo kwavakala ilizwi elizolileyo neliphantsi.+ 13  Wathi nje akuliva uEliya, wogquma ubuso ngesambatho sakhe sabaprofeti,+ waza waphuma wema emnyangweni womqolomba. Emva koko kwavakala ilizwi lisithi: “Ubekwa yintoni apha Eliya?” 14  Yena ke wathi: “Bendizimisele nyhani ukukhonza uYehova uThixo wemikhosi; kuba oonyana bakaSirayeli baye basaphula isivumelwano sakho,+ bazichitha izibingelelo zakho, naba­profeti bakho bababulala ngekrele, ibe ndim kuphela oshiyekileyo. Ngoku bafuna ukundibulala.”+ 15  UYehova wathi kuye: “Jika uye kwintlango yaseDamasko. Ukufika kwakho, uze uthambise uHazayeli+ abe ngukumkani waseSiriya. 16  UYehu umzukulwana kaNimshi uze umthambise+ abe ngukumkani wakwaSirayeli, uthambise uElisha* unyana kaShafati waseAbheli-mehola abe ngumprofeti endaweni yakho.+ 17  Nabani na osindayo kwikrele likaHazayeli,+ uYehu uza kumbulala;+ nabani na osindayo kwikrele likaYehu, uElisha uza kumbulala.+ 18  Ndisenabantu abayi-7 000 kwaSirayeli,+ abangaguqanga ngamadolo abo kuBhahali,+ nabangamphuzanga ngemilomo yabo.”+ 19  Ngoko wemka apho waza wafumana uElisha unyana kaShafati elima ngeenkunzi zeenkomo eziyi-24, yena ekwezimbini zokugqibela. UEliya waya kuye waza waphosa isambatho sakhe sabaprofeti+ phezu kwakhe. 20  Yena ke wazishiya iinkunzi zeenkomo waleqa uEliya, wathi kuye: “Ndicela undivumele ndiyokuphuza utata nomama. Emva koko ndiza kukulandela.” Wathi yena kuye: “Hamba, khange ndikunqande, andithi!” 21  Ngoko wajika wayokuthatha iinkunzi zeenkomo ezimbini wabingelela ngazo, inyama yazo wayipheka ngezixhobo zokulima waza wayinika abantu bayitya. Emva koko waphakama walandela uEliya, waqalisa ukumsebenzela.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “wacela ukuba umphefumlo wakhe ufe.”
Othetha ukuthi “UThixo Ulusindiso.”