Eyokuqala YeziKronike 18:1-17
18 Ekuhambeni kwexesha uDavide walwa namaFilisti wawoyisa, yaye wayoxutha iGati+ needolophu eziphantsi kwayo* kumaFilisti.+
2 Emva koko woyisa amaMowabhi,+ aza amaMowabhi aba zizicaka zikaDavide aza azisa umrhumo.+
3 UDavide woyisa uKumkani uHadadezere+ waseTsobha+ ngaseHamati,+ ngoxa wayesaya kubuyisela ulawulo lwakhe kummandla ongakuMlambo UmEfrate.+
4 UDavide wathimba iinqwelo eziyi-1 000, abakhweli-mahashe abayi-7 000 namadoda ahamba ngeenyawo ayi-20 000.+ Emva koko wawanqumla imisipha onke amahashe atsala iinqwelo, washiya kuphela ayi-100.+
5 Xa amaSiriya aseDamasko eza kuncedisa uKumkani uHadadezere waseTsobha, uDavide waxabela ayi-22 000 kuwo.+
6 Emva koko wabeka amajoni eSiriya yaseDamasko, aza amaSiriya aba zizicaka zakhe ezizisa umrhumo. Yaye uYehova wayemenza oyise* uDavide naphi na apho wayesiya khona.+
7 Ngaphezu koko, wathatha amakhaka egolide arawundi awayekwizicaka zikaHadadezere, wawazisa eYerusalem.
8 ETibhati naseKun, izixeko zikaHadadezere, uKumkani uDavide wathatha ikopolo eninzi kakhulu. USolomon wenza ngayo uLwandle lwekopolo,+ iintsika nezinye izinto.+
9 Wathi akuva uKumkani uTowu waseHamati ukuba uDavide uwoyise wonke umkhosi kaKumkani uHadadezere+ waseTsobha,+
10 ngokukhawuleza, wathumela uHadoram unyana wakhe kuKumkani uDavide ukuba ambuze ukuba uphila njani, aze avuyisane naye ngenxa yokuba oyise uHadadezere (kuba uHadadezere wayedla ngokulwa noTowu). UHadoram wayephethe lonke uhlobo lwezinto zegolide, zesilivere nezekopolo.
11 UKumkani uDavide wazingcwalisela uYehova+ ezi zinto kunye nesilivere negolide awayeyithathe kuzo zonke iintlanga awayezoyisile: amaEdom namaMowabhi, ama-Amoni,+ amaFilisti+ nama-Amaleki.+
12 UAbhishayi+ unyana kaZeruya,+ waxabela amaEdom ayi-18 000 kwiNtlambo YeTyiwa.+
13 Wabeka amajoni kwaEdom, ibe onke amaEdom aba zizicaka zikaDavide.+ UYehova wayemenza oyise* uDavide naphi na apho wayesiya khona.+
14 UDavide waqhubeka elawula wonke uSirayeli,+ ibe wayebenzela okusesikweni* nobulungisa bonke abantu bakhe.+
15 UYowabhi unyana kaTseruya wayephethe umkhosi,+ uYehoshafati+ unyana ka-Ahiludi egcina ingxelo,
16 uTsadoki unyana ka-Ahitubhi noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare babengababingeleli, yena uShavesha engunobhala.
17 UBhenaya unyana kaYehoyada wayephethe amaKereti+ namaPeleti.+ Bona oonyana bakaDavide babengamagosa aziintloko.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “eziyingqongileyo.”
^ Okanye “wayemsindisa.”
^ Okanye “wayemsindisa.”
^ Okanye “ubulungisa.”