INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO
Ukwenziwa Kweevidiyo ZeNdibano YeNgingqi Ka-2020 ethi: “Hlalani Nivuya”!
AGASTI 10, 2020
Iividiyo esizibukela kwiindibano zengingqi zisichukumisa intliziyo ibe zisinceda sizazi kakuhle izinto esizifundiswa yiBhayibhile. KwiNdibano yeNgingqi ka-2020 ethi: “Hlalani Nivuya”! kukho iividiyo eziyi-114, kukho neentetho eziyi-43 ezinikelwa liQumrhu Elilawulayo nabancedi balo. Wakhe wazibuza ukuba yimalini efunekayo ukuze kwenziwe ezi vidiyo?
Abazalwana noodade abasuka kumazwe ahlukahlukeneyo aphantse abeyi-900, baye banikela ngexesha nangobuchule babo ukuze kwenziwe olu cwangciso. Basebenze iiyure eziphantse zibeyi-100 000 kwiminyaka nje emibini ukuze kwenziwe lo msebenzi. Eziyi-70 000 kwezi yure bebesenza idrama yeBhayibhile yemizuzu eyi-76 ethi: UNehemiya: “Uvuyo Enilunikwa NguYehova Luza Kunomeleza”.
Icacile into yokuba kuye kwafuneka imali eninzi ukuze aba bazalwana noodade bafumane izinto abaza kuzidinga ukuze benze lo msebenzi. Ezinye izinto abaye bazidinga ziikhompyutha, imitshini yokusebenza neendawo zokusebenzela.
UJared Gossman osebenza nesebe lezinto ezirekhodiweyo iAudio/Video uthi: “IKomiti Yokufundisa yeQumrhu Elilawulayo ikufuna nyhani ukusebenzisa abantu abahlukahlukeneyo neendawo ezahlukahlukeneyo kwiividiyo zethu. Le nto iza kubonisa ukuba siyintlangano yabantu abohlukahlukeneyo esemhlabeni wonke.” Ezi vidiyo ziphume kakuhle kuba amaqela ayi-24, kumazwe ayi-11 aye asebenza kunye. Ukuze abantu abangaka abakwiindawo ezahlukeneyo emhlabeni bakwazi ukusebenza kunye, kuye kwafuneka imali eninzi nokuba umsebenzi ucetywe kakuhle.
Ezinye iividiyo ziye zafuna izixhobo okanye iindawo zokurekhodela ezikhethekileyo. Ngokomzekelo, iindawo ezivela kwidrama ethi: UNehemiya: “Uvuyo Enilunikwa NguYehova Luza Kunomeleza”, zaye zakhiwa ngaphakathi kwendawo yokurekhodela iMt. Ebo ekufutshane nePatterson, eNew York, eMerika. Ukuze iYerusalem evela kwimuvi ifane naleyaa yakudala, abazalwana bakha amadonga ngendlela yokuba kube lula ukuba aphakanyiswe. Ngokuwakha ngale ndlela, bayisebenzisa kakuhle iminikelo. Udonga olunye belusetyenziswa kwiindawo ezahlukahlukeneyo ezivela kule muvi. Loo nto iye yenza ukuba kungafuneki kwenziwe iindonga ezininzi. Izindlu ezenziwe ngezi ndonga zinobude obuziimitha eziyi-6 ibe zenziwe ngamaplanga. Ngaphandle zenziwe zabonakala ingathi ngamatye. Nangona kuye kwazanywa ukusetyenziswa kakuhle imali, kuye kwafuneka i-R1 496 360 ukuze kwenziwe nje indawo eza kudlalelwa kuyo le imuvi. a
Ukwazi indlela ezenziwe ngayo iividiyo zendibano, kusenza siluxabise kakhulu ucwangciso. Siqinisekile ukuba iividiyo eziza kudlalwa kule ndibano ziza kwenza ukuba uYehova azukiswe emhlabeni wonke. Siyanibulela ngeminikelo eya kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke eniyenza ngo-donate.jw.org nangezinye iindlela.
a Indawo ebekusenzelwa kuyo idrama ethi: UNehemiya: “Uvuyo Enilunikwa NguYehova Luza Kunomeleza” yagqitywa ngaphambi kokuba iKhorona iqale. Ngela xesha kwakunganyanzelekanga ukuba abantu bangasondelelani.