Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ungabusasazi Ubuxoki

Ungabusasazi Ubuxoki

Kule mihla, izinto zisasazeka ngokukhawuleza kubantu abaninzi, kuba kusetyenziswa amaphepha-ndaba, irediyo, iTV neintanethi. Abantu abakhonza ‘uThixo wenyaniso’ abafuni kubusasaza ubuxoki, abafuni nokuphazama benze loo nto. (Nd 31:5; Eks 23:1) Ubuxoki obuthethwa ngabantu bunokwenza umonakalo omkhulu. Xa ufuna ukuqonda ukuba yinyani na into oyivayo, zibuze:

  • ‘Ndingamthemba kangakanani lo mntu undixelela le nto?’ Mhlawumbi akazazi zonke izinto ezenzekileyo. Umntu obalisa into ayivileyo usenokungayibalisi ngendlela eyenzeke ngayo, ngoko lumka xa ungayazi ukuba iqale phi. Zidla ngokuthenjwa izinto ezithethwa ngabantu abasetyenziswa kakhulu yintlangano, ngoko bamele balumke bangathethi izinto abangaqinisekanga ngazo

  • ‘Ngaba le nto ithethwayo ingcolisa amagama abantu?’ Ukuba iza kwenza umntu aziwe kakubi, kubhetele singayithethi.​—IMi 18:8; Fil 4:8

  • ‘Ngaba ivakala ibaxiwe?’ Xa usiva into engaqhelekanga, ungakhawulezi uyikholelwe ungekaqiniseki ukuba yinyani

BUKELA IVIDIYO ETHI NDINGAKUNQANDA NJANI UKUHLEBA? UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • IMizekeliso 12:18 ithi amazwi omntu othetha engacinganga enza ntoni?

  • AmaFilipi 2:4 asinceda njani sizazi izinto esinokuzithetha ngabantu?

  • Simele senze ntoni xa abantu bethetha kakubi ngabanye?

  • Ngaphambi kokuba sithethe ngabantu, yintoni esimele sizibuze yona?