INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Unokwenza Njani Ukuze Ukukhuthalele Ukufunda IZibhalo?
Ngaba uza kuthembeka njengoDaniyeli xa ujongene nobunzima? UDaniyeli wayekukhuthalele ukufunda iLizwi likaThixo, kwaneziprofeto ezinzima. (Dan 9:2) Ukukukhuthalela ukufunda iBhayibhile kunokukunceda ungagungqi ekukhonzeni uThixo. Njani? Kunokukwenza ube nokholo lokuba izithembiso zikaYehova ziza kuzaliseka. (Yos 23:14) Kwakhona, kunokukunceda umthande ngakumbi uThixo nto leyo eza kukukhuthaza ukuba wenze izinto ezilungileyo. (Nd 97:10) Kodwa ufanele uqale phi? Khawucinge ngala macebiso alandelayo.
-
Ndifanele ndifunde ntoni? Enye indlela esebenzayo kukulungiselela iintlanganiso zebandla. Ufundo lweBhayibhile lweveki ngeveki luza kukunceda kakhulu ukuba uzipha ixesha lokuphanda ngezinto ongaziqondiyo. Ukongezelela koko, abanye bakhetha ukufunda ngeziprofeto zeBhayibhile, ngesiqhamo somoya kaThixo, uhambo lukampostile uPawulos okanye ngendalo kaYehova. Ukuba unombuzo weBhayibhile ebudeni bemini, wubhala uze ufunde ngawo xa uphinda ufunda.
-
Ndingayifumana phi inkcazelo? Enye indlela onokuyifumana ngayo kukubukela ividiyo ethi, Izixhobo Zokuphanda Ubuncwane Bokomoya. Enye into onokuyenza kukuphanda ngoko kumelwa ngamagunya ehlabathi angamarhamncwa akuDaniyeli isahluko 7.
-
Ndifanele ndichithe ixesha elingakanani xa ndifunda? Ukufunda rhoqo yeyona ndlela yokusondela kuYehova. Unokuqala ngokuchitha ixesha elifutshane uze ekuhambeni kwexesha ulandise. Ukufunda iLizwi likaThixo kufana nokwemba ubuncwane obufihliweyo, xa ufumana ubuncwane obungakumbi, uye ufune obungakumbi! (IMi 2:3-6) Uza kukulangazelela ukulifunda iLizwi likaThixo ibe uza kuqhubeka ulifunda.—1Pe 2:2.
AMELA NTONI AMARHAMNCWA AKUDANIYELI ISAHLUKO 7?
OMNYE UMBUZO:
Wazaliseka njani uDaniyeli 7:8, 24?
ENYE INTO ENDIZA KUYIFUNDA:
Amela ntoni amarhancwa akwiSityhilelo isahluko 13?