INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Ukushumayela Kwindawo Ethetha Iilwimi Ezininzi
Abantu baba nomdla kumyalezo woBukumkani xa bewuva ngolwimi lwabo. Mhlawumbi yiloo nto ngePentekoste ka-33 C.E., uYehova wabangela ukuba ‘amaYuda avela kuzo zonke iintlanga zabo baphantsi kwezulu’ eve iindaba ezilungileyo ‘ngolwimi lwawo awazalelwa kulo,’ nakuba kusenokwenzeka ukuba ayethetha ulwimi oluthethwa ngabantu bonke, njengesiHebhere nesiGrike. (IZe 2:5, 8) Kwiindawo ezithetha iilwimi ezininzi, amabandla aqhuba iintlanganiso ngeelwimi ezahlukahlukeneyo anokuba nentsimi kwindawo enye. Abavakalisi abakumabandla anjalo banokusebenzisana njani ukuze bashumayele ngendlela engazukubadika abaninimzi?
-
Cebisanani (IMi 15:22): Abaveleli benkonzo bamabandla bafanele bathethe baze baphume nendlela yokushumayela iindaba ezilungileyo eza kulungela onke amabandla. Amabandla athetha olunye ulwimi anentsimi encinci anokukhetha ukuba ningangeni kumakhaya abantu abakwintsimi yawo. Kodwa ke, ukuba awakwazi kuyigqiba yonke intsimi yawo ngenxa yokuba inkulu, anokukhetha ukuba ningatsibi mzi, kodwa niwazise xa kukho umntu enidibene naye onomdla othetha ulwimi lwawo. (od 93 ¶37) Okanye anokucela ukuba ibandla lenu liwancedise ekukhangeleni abantu abathetha ulwimi lwawo neninokuthumela iiadresi zabo. (km 7/12 5, ibhokisi) Nikhumbul’ ukuba kweminy’ imizi kusenokuthethwa iilwimi eziliqela. Indlela ekucetywa ukusetyenzwa ngayo intsimi ifanele ilandele imiqathango ebekiweyo yelizwe ephathelele indlela yokusebenzisa inkcazelo yabany’ abantu.
-
Sebenzisanani (Efe 4:16): Landela yonk’ imiyalelo yomveleli wenkonzo wakho. Ngaba ufundisa iBhayibhile umntu othetha olunye ulwimi? Isifundo sinokukhula ngokukhawuleza ukuba usinika ibandla okanye iqela elikufutshane elithetha ulwimi lwaso.
-
Lungiselela (IMi 15:28; 16:1): Ukuba kumzi okwintsimi yenu udibana nomntu othetha olunye ulwimi, zama kangangoko ukushumayela iindaba ezilungileyo kuye. Xa ulungiselela, unokucinga ngeelwimi osenokudibana nazo uze udawunlowude iiBhayibhile neevidiyo zezo lwimi. Unako nokufunda ukubulisa ngezinye iilwimi usebenzisa iJW Language app.