Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela abancedakala ngayo abazalwana abakwiCaribbean xa kwakuhle intlekele

Indlela abancedakala ngayo abazalwana abakwiCaribbean xa kwakuhle intlekele

AmaKristu okuqala ayewathanda amanye amaKristu. Nathi sibonisa ukuba siyawathanda xa siwanceda xa ehlelwe yintlekele. (Yoh 13:34, 35) Bukela ividiyo ethi Banceda Abantu Abakwiziqithi Kuba Bebathanda ukuze ubone ukuba amaKristu enza ntoni xa abazalwana noodade abakwiCaribbean behlelwa yintlekele. Emva koko phendula le mibuzo:

  • Iinkanyamba ezimbini zabamosha kangakanani abazalwana abakwiCaribbean?

  • UYehova wabanceda njani abazalwana abakwiCaribbean esebenzisa amanye amaKristu?

  • Aba bazalwana behlelwa yintlekele bathini xa bancedwa ngabazalwana babo ababathandayo?

  • Bangaphi abazalwana noodade abancedisayo xa kwakwehle intlekele kwiCaribbean?

  • Yintoni esimele sonke siyenze ukuze sincedise xa kwehle intlekele?

  • Le vidiyo ikwenze waziva njani ngokuba kule ntlangano inabantu abathandana kangaka?