Meyi 1-7
YEREMIYA 32-34
Ingoma 138 Nomthandazo
Amazwi Okuvula (imiz. 3 nangaphantsi)
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO
“Umqondiso Obonisa Ukuba AmaSirayeli Ayeza Kuhlangulwa”: (imiz. 10)
Yer 32:6-9, 15—UYehova wayalela uYeremiya ukuba athenge intsimi njengomqondiso wokuba uYehova wayeza kuwahlangula amaSirayeli (it-1-E 105 ¶2)
Yer 32:10-12—UYeremiya wazithobela zonke izinto zasemthethweni xa wayethenga le ntsimi (w07 3/15 11 ¶3)
Yer 33:7, 8—UYehova wathembisa ‘ukubasulungekisa’ abathinjwa (jr 152 ¶22-23)
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni: (imiz. 8)
Yer 33:15—Ngubani ‘olihlumelo’ likaDavide? (jr 173 ¶10)
Yer 33:23, 24—Ziziphi “iintsapho ezimbini” ekuthethwa ngazo apha? (w07 3/15 11¶4)
Yintoni endiyifundileyo ngoYehova kufundo lweBhayibhile lwale veki?
Bubuphi obunye ubuncwane obuseBhayibhileni obufumene kufundo lweBhayibhile lwale veki?
Ufundo LweBhayibhile: (imiz. 4 nangaphantsi) Yer 32:1-12
YIKHUTHALELE INTSIMI
Lungiselela Iintshumayelo Zale Nyanga: (imiz. 15) Ingxubusho esekelwe “Kwiintshayelelo Onokuzisebenzisa.” Dlala ividiyo yentshumayelo nganye onokuyisebenzisa uze emva koko uxubushe iingongoma eziphambili. Khuthaza bonke ukuba bayisebenzise ividiyo ethi, intshayelelo yencwadana ethi, Ninako Ukonwaba Entsatsheni.
INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Iimfuno Zebandla: (imiz. 15) Usenokuxubusha ngezifundo ezikwiNcwadi Yonyaka. (yb16 67-71)
ISifundo SeBhayibhile Sebandla: (imiz. 30) kr isahl. 12 ¶1-8 nebhokisi “Wakwamkela Ngokuthobeka Ukulungiswa”
Impinda Yentlanganiso Elandelwa Ngamagqabantshintshi Entlanganiso Yeveki Elandelayo (imiz. 3)
Ingoma 23 Nomthandazo