INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU
Indalo Isifundisa Ntoni Ngokuba Nesibindi?
UYehova uyasifundisa indlela yokuba nobuntu obufana nobakhe. Le nto uyenza ngokusinika imizekelo yamadoda nabafazi abaseBhayibhileni. Kodwa ke, usifundisa nangezinto azidalileyo. (Yobhi 12:7, 8) Singafunda ntoni ngokuba nesibindi kwingonyama, ihashe, iqaqa, ingcungcu, kunye nendlovu?
BUKELA IVIDIYO ETHI, FUNDA UKUBA NESIBINDI KWINDALO UZE UPHENDULE LE MIBUZO ILANDELAYO:
-
Amathokazi eengonyama asibonisa njani isibindi xa ekhusela amathole awo?
-
Amahashe aqeqeshwa njani ukuze abe nesibindi emfazweni?
-
Kutheni iqaqa lingayoyiki inyoka enobuhlungu?
-
Iingcungcu ezincinci zisibonisa njani isibindi?
-
Iindlovu zizikhusela njani ngesibindi ezinye iindlovu ezisemhlambini wazo?
-
Zikufundisa ntoni ezi zilwanyana ngokuba nesibindi?